Ivaliwe indlela yaseLangeni
25 May 2023 – Monwabisi Khininda
EMpuma Koloni
ISebe leZothutho eMpuma Kapa lifikelele kwisigqibo sokuba liyivale indlela eyiLangeni Pass kwindlela engu-R412 edibanisa uMthatha nedolophu yaseUgie, ngenxa yokhuseleko emva kokonakaliseka kwendlela ngenxa yemvula emandla kwiveki ephelileyo.
Isigqibo sokuba umgama okuma 17km walendlela uvalwe emva kokufumana imiyalezo kubahambi nabahlali bexela ukonakaliseka kwalendlela. Umonakala okule ndlela ubangelwa ngamatye awehla ezintabeni ngenxa yemvula nomthwalo wetraki ezilayisha imithwalo enzima ezibange ukuba ihodoke le ndlela.
Le ndlela yiyo esetyenziselwa urhwebo edibanisa iifama zaseUgie,iLangeni eshishina ngemithi neMaclear evelisa amaplange awadidinjelwa eMthatha ukuze afikelele kwintengiso yamazwe aphesheya.
UMphathiswa weZothutho uXolile Nqatha uthe uvalo lwale ndlela luchaphazele kakhulu urhwebo kule ngingqi.UNqatha uthi ukhuseleko loluntu lubaluleke ukodlula yonke into. “Ngethuba le ndlela ivaliwe izakunika isebe lakwaSANRAL ithuba lokuba kwenziwe uphando lokuba yintoni enokwenziwa ukuze le ndlela iphinde isetyenziswe,” utshilo uNqatha. UNqatha uthi umhla wokuvulwa kwale ndlela uza kuphinde waziswe kungekudala. UMphathiswa ubongoza abahlali,oosomashishini ukuba basithobele esi sigqibo bathobele imithetho yeendlela namagosa ezendlela azakubayalela ukuba basebenzise ndlela zimbi.
Iindlela ezizakusetyenziswa ngalo mzuzu:
Ukusuka eElliot ukuya eMthatha okanye eLangeni Forest (Sawmill). EElliot ukuya eNgcobo uhamba ngoSathana’s Neck .R56 (TRO1903 xa usingisa ngase Ida naseDordrecht kumgama oyi-8,45km ujike ekhohlo ungene kuMR00410 (TRO7401) ukuya eCala ungena kuGushingalo kumgama oyi 4.8 6km ujike ekhohlo ungene kuR58 (MR00710) ngendlela engena eSatana’s Neck xa usiya eNgcobo ungenele u-R61 osingisa eMthatha.
Ukuba uya eLangeni Forest (Sawmill) ujika ehlohlo eTabase Uhambe ngoMR00415 (DR08209). Ukusuka eUgie naseMaclear usebenzisa u-R56 (TR01904) ukuya eMaclear uthathe u-R396 (MR00721) xa usuka eMaclear usiya kuTsolo uyongenela ku-N2 osinga eMthatha.
Xa usuka eMthatha uthatha u-R61 ongena eNgcobo okanye eQueenstown ujike ekunene eTabase (DR 08209) ukungena eLangeni (Sawmill).

