Ngomhla we”Valedictory” eMasibambane High
Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein
Ngomhla kusenziwa itheko lokunqwenelela abafundi bebakala le-12 okanye ibanga le-10, suncokole nomzali, umfundi kwakunye nemvumi yomculo wokholo nalapho ngamxhelomnye bebonakalise uchulumanco malunga nomsebenzi ongu’ndlelantle’ kuhambo abazakuthi baluthathe xa begqiba ukubhala iimviwo zabo.
Bebonke bebengawuvali umlomo ngendlela itheko elibe lilo kwaye nangendlela lomthandazo okwinqanaba eliphezulu nelilelona libanike amandla wokuba baziqale iimviwo zabo bengenaluvalo.
Ukanti ke kwakuwo lomsitho bekukhona imvumi yomculo woKholo enguSiphamandla Mcosana nobevuselela ngeengoma zakhe wonke umntu obezomase lomsitho. Bekukwakho nembongi emibongo yayo iyimithandazo


