CommunityLocalNews

Kwanda ingqenge kwidolophu yaseMaxesibeni

25 May 2023 – Monwabisi Khininda

Mt Ayliff

Umlilo othe gqolo ugqugqisa kwidolophu yaseMaxesibeni ebisawukwaziwa ngokuba yiMt. Ayliff, ushiya imibuzo emininzi engaphendulekiyo;ikwaveza nezimemelelo ezisuka kubahlali baladolophu, bekhala ngelithi mabaphume baphele abaphambukeli (o-my friend) kuba ngabo abagqiba le dolophu. Le mililo ivamise ukuqhambuka kwezi venkile zo-my friend.

Kwisiganeko sangoLwesine umhla we-4 kuMeyi 2023, kule veki sisuka kuyo kwasweleka umntu kwisiganeko esenzeke kwivenkile iBafana Bafana. Umfi lo kuvakala ukuba usisihlobo kubanini venkile, yaye ebezama ukucima umlilo ze wadilikelwa ludonga ebeselohlulakele ngumlilo.

Ukuzakuthi gaa ngoku zisondele kwisihlanu iziganeko zokuqhambuka kwemililo kule dolophu,ingakumbi kwiivenkile zabemi bangaphandle. Le mililo iphakamisa imibuzo emininzi nesankxwe kubahlali nakubanikazi bezakhiwo abaqesha kuzo oo -my friend. Kuyasoleka ukuba kukho ukuxabana phakathi kwaba bokufika bexabana ngezinto zabo zoshishino. Kanti kwelinye icala kukwavela ukuba kukhona ukuxokonyezelwa kweentambo zombane ngokungekho mthethweni,nanjengoko le “genge” iphinde ilale kula mashishini awo ngamanye amaxesha. Kuphinde kwavela into yokuba ingenzeka into yokuba ezi ziganeko zezangabom,kuba aba bangaphandle befuna ukwenza amabango ‘be-claimer’ iinkuntyula zezimali kuba kutshe amashishini wabo. Akashiywanga ngaphandle nocimi-danya wombane oye udale umonakalo kwizinto zombane.Lo nto yenze kungazeki ukuba kusiwa yiphi komkhulu.

Kodwa bona abokufika bayakuphika oko besithi ngumlilo nje abangawaziyo ukuba uqhambuka njani. U-Isiah Otetiee, ongummi wase-Ethiopia uthi nakubo inqatha linqumile kuba balahlekelwe,ukwayikhabela kude eyokungabikho kwemvisiswano phakathi kwabo ngezoshishino.Abahlali bale dolophu bathi kwanela ngoku idolophu yabo iyaphela, abaphambukeli mabathuthe phambi kokuba itshabalale idolophu. UThuliswa Mdutyana uthi urhulumente makazame ukukhupha abantu okanye aqinisekise ukuba akukho mntu uqhuba ushishino kule dolophu aphinde alale kwakhona apho. “Ukuba iyayekwa le meko esele yenzeke amatyeli angaphezulu kwesithathu kodwa kungekho sisombululo, abasemagunyeni mababhince omfutshane phambi kokuba konakale nangakumbi, okanye bahambele kude abatyali zimali,” uvakalise elo.

Kwiindawo esele zitshile kwidolophu yaseMaxesibeni ludederhu lweevenkile lakwaSotshongaye, kwalandela udederhu lweevenkile olunevenkile yodumo iZaziwe, lona lutshe amatyeli ade amabini kwaphela kwalo ndawo,nekungoku nje iqalwa phantsi. Kuthe kusajongwe leyo waphinda waqhambuka eRolyats Shopping Mall njengokuba kuyiBafana Bafana ngoku.