LocalNews

Kulahleke umguli kwisibhedlele saseCofimvaba

13 EyeKhala 2023 – Monwabisi Khininda

ECOFIMVABA

Amapolisa angabaphandi aseCofimvana ahlabe ikhwelo kuluntu jikelele ukuba luwancedise kwinzame zokukhangela indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ubudala. Kuvakala ukuba umguli onguSiviwe Mawanda ubengeniswe kwisbhedlele saseCofimvaba waze wadluliselwa kwisibhedlele iFrontier eKomani ukuba ayokwenza uvavanyo lwamehlo kodwa khange aphinde abonwe.

Isithethi sekhaya uNamhla Mdleleni uthi esi sigulane sagqityelwa ukubonwa sinxibe ibhulukhwe eblowu ngombala, iteki yeAll Star emhlophe kunye nesilamba esimnyama. Amapolisa abongoza nabani ongancedisa kuphando ukuba anxibelelane nomphandi uDetective Sgt. Luleka Ngqwane ku-0788185419 okanye atsalele umnxeba kucrime stop ku-0860010111.