Kukhunjulwe iMadiba Day eMnquma
Anele Raziya
EDUTYWA
Ibiyimivuyo neemicili kusapho lakwaHlomphe kwilali yaseTholeni eGcuwa ngexesha belityelelwe ngumasipala waseMnquma ngosuku lesikhumbuzo sokuzalwa kwalowo wayesakuba nguMongameli wokuqala ontsundu kwintando yesininzi eMzantsi Afrika, uNelson Rholihlahla Mandela.
Olu suku luqaphelwa kwihlabathi jikelele, uMnquma ulusebenzise ngokunika inkxaso yokutya kusapho lakwaMhlophe nelubonakala litsala nzima kwaye luhlala kwityotyombe.
UCeba uNomabhele Plaatjie obebambe indawo yoSodolophu waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa, uye wanikezela ngokutya nengubo kusapho lakwaMhlophe.
Kwintetho yakhe uPlaatjie uthe, bengumasipala babone kufanelekile ukuba bachithe eyabo imizuzu engama-67 ngolusuka lika Mandela ngokuthi baxhase usapho lakwaMhlophe ngento esiwa ngaphantsi kwempumlo.
Uqhube wathi uMama uNowezile Mhlophe ngumhlolokazi ohlala nabazukulwana bakhe abalithoba (9) nabaphakathi kweminyaka emithathu ukuya kwiminyaka elishumi elinesithandathu (16) kwaye akaphangeli.
Uhlala nabazukulwana bakhe kweli tyotyombe lakhe liligumbi elinye (one room) kwaye baphila ngamabona ndenzile.
UMnquma uthe ngenxa yokusokola kwakhe uNowezile, uye wafakwa kwinkqubo karhulumente yokwakhelwa kwabantu abangathantweni izindlu.
UPlaatjie uvakalise ukuba uNowezile ungomnye kwabantu abahlanu abazakwakhelwa izindlu lisebe lokuhlaliswa koluntu ephondweni.
“Ndiyayibulela inkxaso endiyifumene eMnquma kwaye ifike ngexesha elifanelekileyo njengoko ndisokola,” kutsho uMhlophe.
Uqhube wathi unethemba lokuba inkqubo yokwakhelwa kwakhe indlu nabazukulwane, izokhawuleza kuba bayagodola yingqele xa kufika ixesha lasebusika.
Kwangosuku lika Madiba njalo, uMnquma utyelele kusapho lakwaMakolo eNgqamakhwe kwaWadi 32 nalapho bafikele banikezela ngokutya nengubo nakhona.
Apho kuhlala uMama uMakolo nabazukulwana bakhe abane kwaye baphila ngemali yenkam-nkam.
Emveni koko ooceba baseMnquma baphume baya kuCentane kwilali yaseGobe kusapho lakwaNgamntwini nalapho uCeba uSisa Matutu ibinguye onikezele ngokutya nengubo egameni lika sodolophu.
Kunyaka ophelileyo abantwana abangamantombazana bosapho lakwa Ngamntwini abasakhulayo, oneminyaka emihlanu logama omnye eneminyaka emine, bahlelwa yinto embi yokuba bathi badlwengulwa.
Kungokunje kusaxoxwa elotyala njengoko umrhanelwa wabanjwa, kwaye uCeba uMatutu uthembise olu sapho ukuba bazakuqinisekisa ukuba bayalilandelela ityala kude kubekho ubulungisa.
Kwaye umrhanelwa kulindeleke ukuba aphinde avele ngaphambi kwenkundla zamatyala kuCentane ekupheleni kwale nyanga.


