Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uchulumancile ziziphuma zika Greyidi 12
Iziphumo zika Greyidi 12 zaseMpuma Koloni ezisando kubhengezwa nguMphathiswa weMfundo esiSeko kuzwelonke, uAngie Motshekga nalapho iphondo ilifumene u81.4% wokuphumelela kwabafundi, zibonakalisa mhlophe ukuba kuse kuninzi okuhle okuzayo kweli phondo leengqele.
Lawo ibingamazwi weNkulumbuso yaseMpuma Koloni, uOscar Lubabalo Mabuyane emva kokuba iziphumo zika Greyidi 12 eMpuma Koloni ziye zabonakalisa uphucuka xa zithelekiswa nezonyaka udlulileyo.
Isebe lezeMfundo elikhokelwa nguFundile Gade lisuke ku77.3% wokuphumelela kwabafundi ebabechophele imviwo ngo2022 lanyukela kulo 81.4% kubafundi baka2023.
UMabuyane uthe ezi ziphumo zika Greyidi 12 zibonakalisa ukuba kuse kuninzi okuhle okuzayo ephondweni.
Uye wabulela intsebenziswano yootitshala, abazali, ibhodi ezilawula izikolo (SGB) kunye nemibutho yootitshala, eye yasebenzisana ukuze kuphume lo 81.4%.
Uqhube wathi bayayaza ukuba isebe lezemfundo isekhona imicelimngeni elijongene nayo efana nokuphucula amagumbi apho abantwana bafundela khona kunye neeminyek.
Uthe bengurhulumente bayazibophelele ukuba bazakulixhasa kangangoko eli sebe uqinisekisa liphucula inkonzo zalo ingakumbi nakwinkqubo yothutho kwabantwana xa besiya esikolweni.
Oka Gade uthe bachulumance kakhulu ziziphumo zika Greyidi 12 kodwa ngoku sele behambela phezulu bejonge kwinkqubo yabo yokunikezela ngeezikolo ezitsha ezingamashumi amabini anesithandathu (26) abazokhileyo ephondweni.
Kule veki uGade ekunye negqiza lakhe bazakunikezela ngomakufanwe kunye neezihlangu kwisikolo saseCumakala iMasiphumle Primary School bekwenza oko phantsi kwephulo labo lika Back to School.
Abafundi abayi 100 kwesi sikolo saseCumakala kulindeleke ukuba baxhamle kweli phulo.
Kwiveki ezayo uGade uza kutyelela nezinye izikolo malunga neliphulo lika Back to School kwaye kwelinye icala uzakuba evula ngokusesikweni ezi zikolo zitsha emva koko azinikezele kubahlali.
UMabuyane uthe unethemba lokuba abafundi baka Greyidi 12 balonyaka nabo bazakwenza eyabo imbali kwaye urhulumente unqwenela iziphumo zabo ziphucuke nangakumbi xa zithelekiswa nezonyaka ophelileyo.

