CommunityLocalNews

Bangaphezu kwe-1,000 abantu abahlala ematyotyombeni: “Sidikiwe kukuhlala ematyotyombeni”

27 July 2023 – Vincent Lali |EKapa

EKAPA

IsiXeko saseKapa sityholwa “ngokuzingisa ukusilela ukuqokelela inkunkuma” kumatyotyombe

  • NgoLwesine ngaphaya kwe-1,000 labantu abasuka kumatyotyombe baye baqhankqalaza besiya kwiiofisi zamabhungana eKhayelitsha, eKapa.
  • Babeqhankqalazela “ukusilela okuzingileyo kwesiXeko ukujongana nemiba ecinezelayo yenkunkuma engaqokelelwanga, iireyithi zemivuzo ye-EPWP, umbane kunye nezixhobo zokucima umlilo”.
  • IsiXeko sithe “sizithatha nzulu izikhalazo” kwaye “siqwalasela iinkcukacha zalo mba”.

Bangaphaya kwewaka abantu abasuka kwiindawo ezintsha zokuhlala kunye namatyotyombe amadala baye baqhankqalaza besiya kwibhungana ledolophu yaseKapa kwiiofisi ezilishumi eKhayelitsha Training Centre ngoLwesine. Babefuna ukuqokelelwa kwenkunkuma, ukufakelwa kombane kwiindawo zokuhlala, nemivuzo elinganayo yabacoci.

“Sidikiwe kukuhlala ebugxwayibeni,” litshilo itshantliziyo labahlali uSibusiso Mdlankomo wamatyotyombe aseTaiwan. Uthe abahlali bafumba inkunkuma kwindawo ekufuphi no-N2, kodwa isiXeko asiyiqokeleli. Uthe nabo baswele iingxowa zenkunkuma.

USisanda Phike uthe inkunkuma engaqokelelwanga ivala imisele yamanzi emvula eMonwabisi Park. Uthe inkunkuma ibigquba kufutshane neziko iYibanathi Educare.

“Indawo apho abantwana bafunda khona akumelanga ukuba ibe mdaka,” utshilo.

Inkokeli yabahlali uWendy Nkewu uthe bagqibela ukubona ingqokelela yenkunkuma kumatyotyombe eSiqithi kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo. “Ngoku siyazicoca ngokwethu iindawo zethu,” utshilo.

Izikhongozeli zokuthutha inkunkuma ngoku zigcwele ijem kwaye ziyanuka, utshilo. “Kufuneka sivale iingcango neefestile xa sisitya,” utshilo.

Inkunkuma idale ingxaki yeempuku, utshilo.

“IsiXeko sisinika amayeza okubulala iimpuku endaweni yokususa ubumdaka,” utshilo uNkewu.

Yena nabanye abahlali basematyotyombeni baye baqokelela imali yokuthenga ipetroli yokutshisa imfumba yenkunkuma engaqokelelwanga kwindawo yabo.

Intlawulo engalinganiyo yabacoci abaqeshwe eluntwini nako kuphakanyiswe ngabaqhankqalazi. Iinkampani zolawulo lwenkunkuma zibhatala abacoci iR245 ngosuku ngelixa isiXeko sibhatala abacoci iR130 ngosuku ngeNkqubo yeMisebenzi yoLuntu eyaNdisiweyo, ngokutsho kwenkokeli yoluntu.

“Sizimisele ukusebenza njengabacoci besiXeko ukuba asiyithobi imivuzo, kwaye ukuba sisihlawula imali elinganayo neenkampani ezilawula inkunkuma,” utshilo uNkewu.

Uthe abantu abaphuma kule misebenzi mitsha badwelise amagama abo kuluhlu lwemisebenzi yeSixeko, kodwa “sibona abantu abaphuma kwizindlu zezitena befika becoca kwiindawo zethu, lo gama sifumaneka ukuba sizicoca ngokwethu”.

Abaqhankqalazi bathi bakruqukile kukuhlala bengenambane okanye uqhagamshelo oluyingozi olungekho mthethweni oludala imililo kunye nokubethwa ngumbane. Zikwadala uqhanqalazo kwaye zibangele ukruthakruthwano phakathi kwabahlali bezindlu ezisesikweni.

“U-Eskom uthatha iinyanga ukulungisa ii-transformer ezonakeleyo,” utshilo uPhike, “kwaye abahlali abasuka kwiindawo zakudala bayasithuka.”

Inkokeli yabahlali uXolelwa Mjekula wamatyotyombe eLansdown Road uthi abantu abaninzi bashiyeke bengenamakhaya ngenxa yokutshiswa kwamatyotyombe kodwa abasazifumani izixhobo zokuqalisa ukwakha ngokutsha.

“Amaxhoba omlilo siwafaka kumatyotyombe alahliweyo logama sidibanisa imali sifumana amalizo okubanceda bavuse amakhaya abo,” utshilo uMjekula.

Abaqhankqalazi banike iSixeko iintsuku ezisixhenxe ukuba siphendule kumabango abo. Imemorandam yabo ithi: “Siyaqhankqalaza ngenxa yokuphoxeka kwethu kukusilela okuzingileyo ukulungisa imiba engxamisekileyo yokungaqokelelwa kwenkunkuma, amaxabiso emivuzo ye-EPWP, umbane kunye nezixhobo zokucima umlilo.”

Umanejala weSubcouncil 10 uMandlenkosi Sithonga ufumene le memo kwaye wathi uzakuyidlulisela kwisiXeko. “Anizele kwenza izicelo kodwa nize kwenza izicelo. UMgaqo-siseko ukwicala lakho,” utshilo.

Kwingxelo ye-imeyile, isiXeko sithe “sijonga iinkcukacha zalo mba”.

“Sizithathela ingqalelo izikhalazo kwaye siza kuthathela ingqalelo yonke imiba ephakanyisiweyo.”