UMasipala wase Mnquma uthibaza ulutsha kutywala neziyobisi
Anele Raziya – 27 July 2023
EGCUWA
UMasipala waseMnquma eMpuma Koloni, umemelele kulutsha lwaseGcuwa, Ngqamakhwe nakuCentane ukuba lizikwebule kwizenzo zolwaphulo mthetho nokusebenzisa iziyobisi.
Oku kuthethwe nguSodolophu waseMnquma eGcuwa, uTunyiswa Manxila-Nkamisa ngexesha umasipala ubusindleke indebe kaSodolophu kumabala weezemidlalo eMsobomvu ngoMgqibelo.
UManxila-Nkamisa uxelele ulutsha lwaseMnquma ukuba malihambe kude kulwaphulo mthetho kwaye malubeyinxalenye yezemidlalo ekuhlaleni ukuze libenekamva eliqaqambileyo.
“Abantu abatsha mabohlukane neziyobisi kunye nolwaphulo-mthetho ekuhlaleni. Sinifuna kwezemidlalo ukuze niqaqambise ikamva lenu,” utshilo uManxila-Nkamisa exelela ulutsha ebeligcwelise ibala laseMsobomvu.
Uqhube wathi bengumasipala banoxaduva lokuncedisa kuphuhliso lwezemidlilo ekuhlaleni ukuze ulutsha lungapheleli kwiziyobisi.
Uthe yiyo lento benguMnquma besoloko besindleka imidlalo yeNdebe kaSodolophu (Mayor’s Cup) nyaka nonyaka.
Kule midlalo kulapho athe basoloko benikezela ngeezixhobo zokudlala kwimidlalo entlobo-ntlobo kuba befuna ukhuthaza ulutsha emidlalweni.
Ngexesha ebesenza intetho yakhe kule tumente, usodolophu ebekhatshwa ngooceba kukho nabazali ebebezobukela abantwana babo.
Iqela laseQina kuCentane, iQina United FC, iye yaphuma phambili kwimidlalo yebhola ekhatywayo emveni kokuba yoyise amaqela ibikhuphisana nawo, aquka iNgqamakhwe City nePeace Makers FC.
Ngokuphuma phambili kwayo iQina United FC, igoduke nekiti, iimbasa zeegolide, ibhola ezimbini nendebe. Nakunyaka odlulileyo yabayiyo eyaphumelela imidlalo yendebe kaSodolophu.
INgqamakhwe City egqibe kwindawo yesibini ebholeni ekhatywayo, ifumene ikiti, iimbasa zesilivere, neebhola ezimbini.
IPeace Makers FC yona yafumana iimbasa zeBronze nebhola ezimbini.
Kwicala lebhola yomnyazi (netball), iDudumashe Netball Club yaseNgqamakhwe ibezintshantsheli emveni kokuba ibethe iStars of tomorrow club nePeace Makers Club.
IDudumashe Club igoduke nekiti, indebe, ibhola ezintathu neembasa zeegolide.
IStars Tomorrow Club yaseNgqamakhwe ethathe indawo yesibini, ifumene ikiti, ibhola ezintathu neebhasa zeesilivere
Lo gama Peace Makers Club ifumene iimbasa zeeBronze medals nebhola.
Kwibhola yombhoxo, iLions Rugby team yaseNgqamakhwe igqugqisile yagoduka nekiti, iimbasa zeegolide, iibhola ezimbini nendebe enkulu.
Ngqamakhwe Eagles Rugby team egqibe kwindawo yesibini, igoduke nekiti, iimbasa zesilivere nebhola ezimbini.
Comrades Rugby team yaseMsobomvu yafumana ibhola ezimbini neembasa zeBronze ngokugqiba kwindawo yesithathu.
Kumbhoxo wamantombazana, iLions Ladies yaseNgqamakhwe ifumene ikiti, indebe, ibhola ezintathu neembasa zegolide emveni kokuba izibethele Ngqamakhwe Eagles Ladies ebekhuphisana nayo yodwa.
Ngqamakhwe Eagles nayo yagoduka nekiti, imbasa zesilivere neebhola ezintathu.
Umjikelo wokuqala wokudlalwa kwendebe kaSodolophu uqala udlalwe ngokweeWadi, amaqela aphumeleleyo adlale kumjikelo wokugqibela osoloko ubanjelwa eMsobomvu rhoqo nyaka nonyaka.
Umdlalo wokuphaliswa kwamahashe neembaleki nazo bezikuphisana kule ndebe kaSodolophu waseMnquma. Amahashe ebephaliselwa kuCentane wona.

