CommunityLocalNews

Abantwana abakhuliswa ngoonina bangamaxhoba olwaluko olungekho mthethweni

08 ISilimela 2023 – Monwabisi Khininda

Mthatha

Nanjengoko livuliwe ixesha lokwaluka kwamakhwenkwe ngomhla wesihlanu kulenyanga, iphondo leMpuma Kapa kulindeleke ukuba kungene amakhwenkwe aqikelelwa kuma-20 000. Kwinkomfa ebibanjwe liqumrhu elizimeleyo “iMen For Change” nekuliqumrhu lamadoda asesipoliseni kuMzantsi Afrika kwiholo i-O.R Tambo eMthatha ngoLwesibini, kuthethwe ngendima ethi idlalwe leliqumrhu kumcimbi wolwaluko nanjengoko siye sive izigemegeme ezenzekayo esuthwini ezifana nokuxhatshazwa kweziyobisi, iingcibi ezingekho mthethweni, amakhwenkwe oluka engekabikho kwixabiso lokoluko de ngamanye amaxesha kusweleke nabakhwetha.

USajini Thando Elliot ukwadize ukuba abantwana abakhuliswa ngomama bodwa kungekho mntu oyindoda ixesha elininzi babangamaxhoba, ingakumbi kumcimbi weengcibi ezingekho mthethweni nanjengoko kungekho mntu oza nesikhokhelo esisiso. Uqhube wathi: “Sisebenza namasebe onke abandakanyeka kumba wolwaluko kodwa eyethu indima ayigxilanga kwisiko ncam, igxile kumthetho owophulwayo xa kusenziwa isiko.Izinto ezifana nokuphatheka gadalala kwamakhwenkwe, ingcibi zomgunyathi,ukuxhatshazwa kweziyobisi nezinye. Kodwa yona indaba yolwaluko olukhuselekileyo luxanduva lomntu wonke, wonke ubani unendima athi ayidlale. Thina asikwazi kuzigqogqa zonke iindawo kodwa xa uluntu lusilume indlebe siza sibhabha. Khumbula ukuba la mabhoma alapha kwezi ndawo sihlala kuzo.Lo mthetho wophulwa ngabantu esibaziyo.”

Uqhubeke wathi ukufaka isimilo kumakhwenkwe xa engena ebudodeni kufuneka kuyalwe ngendlela eyiyo,kukhona iziyalo ezixinzelela abantu abangoomama. Uthe ayikho into enjalo kumadoda okwenyani, indoda yokwenyani iyayazi into yokuba ibhinqa aliphathwa gadalala. Baxelelwe ukuba izinto ezifana nodlwengulo nokuthwala azinandawo ekuhlaleni.