U-IEC ukhuthaza ulutsha ukuba luvote
Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026 Intatheli: Monwabisi Khininda | Mzantsi Afrika
UMzantsi Afrika unolutsha olungaphantsi kweminyaka engamashumi amathathu anesihlanu olukuma-21 ezigidi olungazimisesalanga kuvota. I-Independent Electoral Commission inethemba lokuba izakukhuthaza ulutsha ukuba luvote ngokuthi luqale lubhalisele uvoto kwiintanethi.Ulutsha lweli lizwe aluzihluphi ngakuvota kuba kuvakala ukuba alubathembi abapolitiki, alunamisebenzi. Eli lizwe lizobamba ulonyulo loorhulumente basemakhaya phakathi kukaNovemba 2026 noFebuwari 2027.
UTessa Dooms ongumxazululi wezepolitiki uthi abantu abatsha abavoti kuba ababoni mohluko kwiindawo abahlala kuzo. Ukuvota kwabo akuphuculi ziinkonzo kungadali namathuba emisebenzi. UDooms uthi i14-yezigidi zabantu abatsha alubhaliselwanga ukuvota. Uthe abantu abadala isengaba abakwizikhundla zolawulo. Kulonyulo luka-2021 yi-15 % yabantu abatsha abonyulelwa kwizikhundla zobukhansela koomasipala.
Oyingqonyela yakwa-IEC uSy Mamabolo uthi kukho utshintsho kubhaliso oko kuvulwe inkqubo yokubhalisa kwi-intanethi besebenzisa iimfonomfono zabo. Uthe kubantu abakuma-200,000 ababhalise ngezobuchwepheshe ngabantu abatsha abaninzi. I-IEC ithe izakubanamaphulo okukhuthaza ulutsha ukuba luthathe inxaxheba eluvotweni.


