Arts & CultureLocalNews

Bafuna ukurholiswa ooSibonda

10 August 2023 – Monwabisi Khininda

ELUSIKISIKI

Bafuna iqhosha elingenamthunja ooSibonda.Ngomhla we-17 kwinyanga yeKhala ooSibonda bakwidolophu yaseLusikisiki babebambe umngcelele besingise kwi-ofisi zalo masipala ngeliyokufuna impendulo malunga nezikhalazo ababezithume uSodolophu uNonkosi Pepping ukuba azinikezele uSekela Mongameli uPaul Mashatile xeshikweni ebetyelele ummandla wamaMpondo kwinyanga ephelileyo.

Nanjengoko bekhalazela ukungarholiswa abaSibonda bamemelela urhulumente ukuba akhe abathi kratya ngemadlana azame ukubakhuthaza emsebenzini abawenzayo. Badize ukuba luyavakala ulwamvila lomsebenzi abajamelene nawo ekuhlaleni, loo gama urhulumente engabahoyanga kodwa esuke wakhokhelisa phambili abao bancedisi booKhansela (iWard Committee). Batsho besithi loo nto iyodwa nje bayibona isisithuko kubo.UZamuxolo Mabhena onguSihlalo wabo ooSibonda udize ukuba baye bahlangabezana  nomceli mngeni wokunganakwa xa befika kulo masipala bephethe iingxaki zabahlali. Nanjengoko begqibele sebengamfumani uSodolophu nakubeni kunjalo ukhona umntu oye wabahoya esitsho ukuba uthunyelwe nguSodolophu.

UMabhena uthi banomnqweno wokuba ingase isikhalazo sabo sithathelwe ingqalelo msinya nanjengoko bewenza ngendlela umsebenzi wabo. Kwelinye icala onguSihlalo kumbutho weeNkosi, iContralesa, uNkosi Mwelo Nonkonyana udize ukuba enyanisweni bengulo mbutho bazijula ijacu entweni ethi mayisiphulwe neengcambu zayo iphele tu, ingcinezelo. Ukwathe bayithethile eyokuba eneneni ooSibonda mabarholiswe njengoko kusenziwa kooWard Committee.

UNkosi Nonkonyana ulebele ngelithi ooSibonda bebebambe intlanganiso ekuqaleni kweveki apho bebeshukuxa zonke izinto ezijamelene nobukhosi kweli phondo leMpuma Kapa kuquka yona le ndima yooSibonda abangafumani nomncazelo lo, watsho esithi imini iyakuze ibenye balivale mbaa kume kwanto kweli phondo leMpuma Kapa kuba urhulumente ubonakalisa ukungabakhathaleli ngokungazithatheli ngqalelo izikhalazo zabo.