Arts & CultureLocalNewsUncategorized

 Bangamantombi Nto Engcobo

10 August 2023 – Yonela Mpaka

ENGCOBO

Bekubanjwe umsitho weNkciyo kwindawo yase Nkondlo phantsi komasipala wase Dr AB Xuma. Inkciyo kukuhlolwa kwamantombazana asagcine ubuntombi babo. Bekuphume amatshitshi endawo ezahlukeneyo ezokuqhayisa ngobuntombi babo. Umququzeleli wale Nkciyo ngu Bhusakwe waseMaqwathini nabambiza Zeze.

Umasipala wase Ngcobo wayiphehlela ngokusesikweni inkciyo ukuba ingaqhuba. Ibelikhwelo elihle kakhulu eli nebelizinyaswe nguMphathiswa wesebe lezempilo umama uNomakhosazana Meth nathethe namantombazana asakhulayo esithi into yenkciyo izakunceda kakhulu kuba ngoku abantwana bajongene nomceli mngeni weziyobisi abanye bangamaxhoba okwedlwengulwa bajongene nomama abaxhatshazwayo kwa nesifo esithe tshitshilili sika gawulayo esigqugqisayo, uthi likhwelo elihle kakhulu eli abaqulunqi ubakhuthaze ukuba bangayiyeki.

Ongumququzeleli wale Nkciyo uZeze Bhusakhwe okwanalo neqela lomxhentso akhokhele kulo. UZeze Bhusakhwe uthi liphupha kuye elide lafezeka kudala eyifuna yenzeke lento. Sifuna abo bakwazileyo ukuzikhathalela basoso besinda ekreleni kuba kubi phandle kakhulu. “Siyabona na akukho lula ukungena kwiNkciyo kodwa bayayifuna ngenene abafumani bunzima, sihlaba ikhwelo kubazali ukuba babakhuthaze abantwana bangene kwiNkciyo sinamantombi ahloliweyo esangamantombi Nto siyazidla kakhulu ngalonto sisithi phambili ngobuntombi phambili,” utshilo uBhusakhwe. Abazali bebengawuvali umlomo yimincili yokubona abantwana babo bethe ngqwadalala enkundleni bezingoma isifuba ngobuntombi babo