CommunityNews

Abahlali basePhilippi basonga izandla bacoce ithala leencwadi eliphangiweyo kunye neholo yoluntu

17 August 2023 – Sandiso Phaliso|EKapa

EPHILIPPI

“Abantu abasemva kolu hlaselo kufuneka baqonde ukuba bahlutha iindawo abahlala kuzo iinkonzo ezibalulekileyo” litsho ivolontiya lokucoca.

Kwiintsuku emva koqhanqalazo olutshabalalisayo kunye nokuphanga phakathi koqhankqalazo lweeteksi oluqhwalelise iPhilippi kunye noluntu oluyingqongileyo, abahlali baye badibana bacoca ithala labo leencwadi kunye neholo yoluntu.

Ngexesha lokuvalwa kweeteksi kwiveki ephelileyo, izibonelelo zikawonke-wonke ezifana nethala leencwadi lasePhilippi’s Browns Farm, i-ofisi kaceba wewadi, kunye neholo yoluntu ziye zonakaliswa kakubi. Izikrelemnqa ziye zeba zaza zonakalise kakhulu iincwadi, iikhompyutha, iisilingi kunye nezinye iziseko zombane kwizakhiwo. Iingcango neefestile nazo zaqhekezwa.

Ukuvalwa kunye neziganeko ezilandelayo zokuphangwa kunye nokugityiselwa ngamatye kwezithuthi kulo mmandla kubethe amakhaya ahluphekayo kakhulu. Iivenkile ezininzi ePhilippi beziphelile okanye zinyuswe amaxabiso ezinto ezibalulekileyo njengesonka, ubisi, amaqanda kunye neparafini. NgoLwesihlanu igqiza lamakhosikazi libambe umngcelele ezitalatweni, likhwaza ukuba kuzole elokishini.

NgoMgqibelo, abahlali baqale ukucoca iincwadi, amaphepha kunye neengceba zeglasi ezithe saa kwimigangatho yezakhiwo. Amavolontiya eze neglavu, imihlakulo, iirakhi neekiliva zokuthwala inkunkuma. Bathe bafuna ukubonisa abantu abaxhwithe amaziko ukuba uluntu luyazithanda ezo zakhiwo.

Nje ukuba ucoceko nolungiso olungephi lugqityiwe, amavolontiya aceba ukudibana nabanye abahlali baseBrowns Farm ukuze bakhusele eli ziko kunye nokunceda amapolisa abone abenzi bobubi.

Umhlali nevolontiya, uMpumzi Kolobe, uthe ubulela abantu beze kunceda. “Abantu bafuna ukubona lo mmandla ulungiswa emva kokonakalisa. Abantu abasemva kolu hlaselo kufuneka baqonde ukuba bahlutha uluntu lwabo iinkonzo ezibalulekileyo. Kukwayinyaniso ukuba kumaxesha amaninzi izaphuli mthetho ziyaziwa luluntu,” utshilo uKolobe.

Uceba wale wadi uMelikhaya Gadeni uthe umonakalo omkhulu kwithala leencwadi laseBrowns Farm, indawo yokuqubha, iholo yoluntu, neofisi yakhe ungaxabisa izigidi zeerandi ukuwulungisa. “Impembelelo eluntwini izakuba nkulu. Njengokuba sele sisondele ixesha lasehlotyeni, baza kuchaphazeleka kakhulu abantwana nanjengoko ukuvalwa kwendawo yokuqubha kungadlulela ngaphaya kwehlobo,” utshilo uGadeni.

Uthe ukuvalwa kweofisi yakhe “kuya kunyanzela abantu ukuba baqinisekise amaxwebhu abo kwisikhululo samaPolisa saseNyanga, ngeendleko kwabanye. Ndiza kuba nobunzima bokujongana nezicelo zenkonzo kuluntu lwethu”.