Arts & CultureLocalNews

Abhulile egqireni Amampondo ngokukhulelwa komntwana one 18

17 August 2023 – Intatheli kaDizindaba

ENGQELENI

Ngenxa yokuthuswa ngumhlola wokukhulelwa kwe ntwazana yesikolo nenemnyaka elishumi elinesibhozo abomzi ka Faku baye baya kubhula egqireni.  Liye labhula ka igqira laze lazise okokuba intombi le nebisandula kubuya kwi siko le ndoni ayithakathwanga.  Isanuse esi nekuthiwa besiyelwe eMkhankatho ephaya eLibode sazise okokuba lo “Nontsulana” uye wazi bandakanye kwezesondo ngethuba etyelele eNtabetemba ku Komani.

Oku kukhulelwa kwentwazana encinci kangaka nebisandula kubuya kwi siko le ndoni yaye isanxaba inkciyo ngaphambile kuthiwa iwothusile umzi waMampondo eNstlulini.  Oku kuvakala okokuba akothusanga nje le lali yase Ngqeleni koko nomzi uphela waMampondo ase Mpuma.  Abangasemoyeni bathi esi sehlo yinto engaqhelekanga eMampondweni kwii Ntombi ezisencinci nezisabizwa ngokuba ngoo “Ntsulana” kuba zisahamba nee ntsula.

Kuvakala okokuba bona abekhaya lale ntwazana kuba zingenzeki izehlo ezifana nesi kwi ngingqi yabo baye bathatha ngokuba umntwana wabo uloyiwe khonukuze angabi nakamva lihle ebuntombini bakhe.  Kuvakala okokuba kungokunje abakwa Nyawuza bajonge ekubeni babhekise imibombo benjenjeya ukuya kuhlawulisa eNtabethemba.  Kuthiwa lakubhula igqira nayo le ntwazana iye yakuvuma oku ikwavuma nangesakhiwa eso esibhulwe ligqira apho senzeka khona esi senzo nalo mfana owathi woyama intombi ebuye kwi ndoni.

Kuthiwa abase Mampondweni bebesothuswe kukuthathwa ngu “Vutha” kwale “Njonjana” phaya eXolobeni eTsomo nalapho kuthiwa kuye kwasweleka iintombi ezintathu.