Linamandla Mpama iwonga
Ngu Anele Raziya
Umfundi wesikolo samabanga aphezulu, iNdabankulu Senior Secondary School kuNdabakazi, uLinamandla Mpama akawuvali umlomo luncumo emva kokuba ethe wawongwa njengo mncedisi kaSompempe oye wangqwesa ngexesha kusingathwe imidlalo yeNozulu youth legacy cup eGcuwa.
UMpama oneminyaka elishumi elinesithandathu (16) kwaye ufunda uGrade 10, eNdabankulu S.S.S ekunye noogxa bakhe bebecelwe ngumbutho webhola ekhatywayo, iMnquma local football association (Mnquma LFA) ukuba baphathe yonke imidlalo yale tumente.
Khange badanise bawenze umsebenzi wabo ngokucocekileyo kwaye khange kubekho neqela elinye elibenesikrokro ngokwendlela ebebeyilawulangayo imidlalo yeNozulu youth legacy cup.
Emva kwemidlalo yale tumente iMnquma LFA kuye kwanyanzeleka ukuba ichonge oyena mncedisi kaSompempe osebenze ngokungwesileyo kunabanye.
Kulapho igama lalentwazana yaseGcuwa, uMpama libizwe khona njengo mncedisi kaSompempe oye wazibalula kwitumente yalo nyaka yeNozulu youth legacy.
Kunyaka ophelileyo wayekhona kule midlalo uMpama kodwa wayesebenza njenge Sompempe wesine kuyo (fourth official).
“Ndivuye kakhulu xa ndisiva kubizwa igama lam kuthiwa ndiwine iwonga lokuba ngumncedisi kasompempe oye wangqwesa kule tumente, zindaba ezimnandi ezi kwaye ndicinga ukuba ziyandikhuthaza kweli khono lam lokuba ngumncedisi kasompempe,” kutsho uMpama esonwabile.
Uthe ukuba yinxalenye yemidlalo waqala kunyaka ophelileyo ngexesha engumncedisi kasompempe kwimidlalo yeMnquma LFA apho kudlala khona amaqela wasekuhlaleni imidlalo yeleague kwaye zange aphinde ajonge ngasemva.
Uqhube wathi uthando lwakhe nomdla kumsebemzi wokuba ngusompempe uye ukhula nyaka nonyaka kwaye unqwenela ukuzibona efana noAkhona Makalima ngenye imini.
“Siyambona uSisi Akhona Makalima ungusompempe kwiPSL kwaye uphuma apha eMnquma lonto indikhuthaza kakhulu ukuba ngenye imini ndizokufana naye nam ndilawule imidlalo yePremier Soccer league,” kutsho lo mfundi waseNdabankulu S.S.S
Ngokwenza umsebenzi oncomekayo kule tumente yeNozulu youth legacy cup uye wafumana imbasa yeglasi, ubhaka kunye nezinye izinto ezifana neStop watch esincedisayo ujonga ixesha xa ephethe umdlalo.
Uye wabulela nombutho webhola ekhatywayo, iMnquma LFA ngokumnika ithuba imqeqesha ukuba abengusompempe wangomso.
UMpama uthe uzimisele ukusebenza nzima efunda incwadi zakhe zesikolo logama kwelinye icala uzakuba eqhuba nokuba nguSompempe kude kufezekiseke iphupha lakhe lokuba ngumncedisi olawula imidlalo yePSL.
IMnquma LFA neSAFA kwingingqi yeAmathole iye yabancoma kakhulu oosompempe bayo abasebenza ngokuzinikela ngalo lonke ixesha benikwa umsebenzi.
Photo Caption: Kumfanekiso ophezulu, uLinamandla Mpama uphethe iwonga lakhe aliphumelele kwiNozulu youth legacy cup eGcuwa.
Kumfanekiso wesibini, uMpama ume kunye noogxa ebesebenza nabo kwi tumente yeNozulu youth legacy cup.Â

Photos Anele Raziya

