I-EPWP inceda ulutsha lubone ikamva eliqaqambileyo
15 ISilimela 2023 – Intatheli kaDizindaba
EKapa
Ngenxa yamanqanaba aphezulu olutsha olungaphangeliyo, iNkqubo eYandisiweyo yeMisebenzi kaRhulumente (EPWP) yeSixeko saseKapa isebenze nzima ukubonelela ngenkxaso yengeniso exabisekileyo kwabo bangekafumani ngqesho esesikweni, ingakumbi ulutsha. Abaxhamli bale nkqubo banikwa ithuba lokuphuhlisa izakhono kunye namava omsebenzi afuneka kakhulu.
Ukusukela ngo-2017/2018, ngama-213 761 amathuba emisebenzi exesha elifutshane adalwe kuwo onke amasebe eSixeko. Malunga ne-57% yala mathuba exeshana elifutshane (122 773) ajoliswe kubantu abatsha.
Amathuba engqesho yexesha elifutshane adalwe kwiinkalo ngeenkalo ezahlukeneyo kuquka, kodwa kungaphelelanga apho:
- Ulawulo lweentlobo ezihlaselayo;
- Amaziko onxibelelwano;
- Amagosa oNyanzeliso loMthetho;
- Abagcini bendlela;
- Uqeqeshelo-msebenzi kumacandelo ngamacandelo;
- Ukufakwa kwedatha;
- Ukucoca;
- Amagosa onxibelelwano noluntu; kwaye
- Abasebenzi basentsimini
‘Njengoko amawonga e-EPWP akutsha nje ebonisile, ukuphunyezwa kwenkqubo yeprojekthi ye-EPWP yeSixeko kuphawulwa ngokusungula izinto ezintsha kwaye kubeke phambili uphuhliso lwezakhono. Nangona iDatabase ye-EPWP yabaFundi beMisebenzi ivulelekile kubo bonke ubudala, ezinye iiprojekthi zijolise ngokukodwa ekuxhaseni nasekudluliseleni izakhono kulutsha, nokudala indlela eya kwingqesho yexesha elizayo kwiSixeko okanye kwicandelo labucala.
‘Uhlumo loqoqosho lwelizwe lethu luyadodobala, ngenxa yezinto ezininzi. Ngelishwa, ikakhulu lulutsha olungakwaziyo ukuzinza kuqoqosho olusesikweni oluchaphazeleka kakhulu. KuLawulo lweNkunkuma yaseziDolophini, kwiSebe lokuXhotyiswa koLuntu noPhuhliso, sisebenza nzima ukuxhasa abantu abatsha kwaye sibaxhobise ukuze bangene lula kuqoqosho olusesikweni,’ utshilo iLungu leKomiti kaSodolophu kuLawulo lweNkunkuma yaseziDolophini, uAlderman Grant Twigg.


