Izigidi ezachithwayo kodwa kwiminyaka eli-11 kamva, isikhululo samapolisa siyindawo yeziyobisi
17 August 2023 – Nombulelo Damba-Hendrik | Mpuma Koloni
ENGQAMAKHWE
Isikhululo samapolisa ebesiza kulungiswa eNgqamakhwe sihluthwe ngootsotsi emva kokumiswa komsebenzi wokwakha.
• Ithenda ye-R16-million yokuhlaziya isikhululo samaPolisa saseNgqamakhwe eMpuma Koloni yanikezelwa ngo-2012.
• Kwiminyaka eli-11 kamva kuphela yi-40% yomsebenzi owagqitywayo.
• Isakhiwo sayekwa ukuba siphangwe ngabo bamoshayo kwaye singamabhodlo.
• Abahlali bathi ngoku yindawo yolwaphulo-mthetho kunye nequla leziyobisi.
• Imbambano phakathi konokontraka kunye neSebe leMisebenzi yoLuntu leSizwe sisizathu sombhodamo.
Yimali ephaya kwishumi elinesithathu lezigidi zeerandi (R13-million) echithwe kwisikhululo samapolisa eNgqamakhwe kwidolophu yaseNgqamakhwe kwisithili saseAmatole eMpuma Koloni. Kodwa phantse akukho nto ibonisa ngayo.
Esi sakhiwo siye sahluthwa ngabantu abonakeleyo. Amacangci ephahla asusiwe, iifestile zophukile, neengcango zibiwe. Oku kwenzeka ngaphandle kokuba isakhiwo esishiywe sikwimitha nje ukusuka kwisikhululo samapolisa esisebenzayo. Kwaye abahlali bathi abaphuli-mthetho kunye nabasebenzisi beziyobisi ngoku bahleli kwizakhiwo ezingasebenziyo.
Xa sasityelele eso siza, salunyukiswa ukuba silumke. Sabona iqela lolutsha olumalunga nesithandathu lutshaya into ebonakala ngathi yinyope. Enye yayitshisa iplastiki kwiintambo, ekusenokwenzeka ukuba yayiza kulungiselelwa ukuba ithengiselwe kwi- scrap yadi. Xa abafana besibona sifota, abanye bemka, abanye bazimela.
Ngo-2011, amapolisa aseNgqamakhwe angena kwi-prefab, ukulungiselela ithenda ye-R16-million yokulungisa isikhululo esidala, eyanikezelwa kwiSomana Construction ngo-2012.
Owayesakuba nguceba wale wadi uZinzile Gade uthe lo msebenzi ubujonge ukuthatha nje iinyanga ezilishumi elinesibhozo. “Unokontraka wayekhona iinyanga ezimbalwa, emva koko seva ukuba kukho ingxabano … salinda, sicinga ukuba unokontraka uza kubuyela kwisiza, kodwa ayizange yenzeke loo nto … ‘Kude kube ngoku sisalindile,” watsho uGade.
Uthe ingxabano phakathi kukaSomona kunye nomcebisi wemisebenzi yoluntu kunye neenjineli yayijikeleze iinkcukacha zomsebenzi.
Isithethi seSebe leMisebenzi kaRhulumente kuzwelonke kunye neziseko zophuhliso uThami Mchunu ungqinile ukuba ukuza kuthi ga ngoku iR12,852,950 sele ichithwe kule projekthi. Uthe ulwakhiwo lwamiswa ngenxa yokumangalelwa.
Ngeli xesha, isikhululo samapolisa sikhoyo ngoku asinazo iimfonomfono kwaye amapolisa axhomekeke kwiiselula zawo. Izindlu zangasese kufuneka zigungxulwe ngamanzi avela etankini. Ebusuku, isikhululo simnyama njengoko ukukhanya kwangaphandle kungasebenzi.
Uceba wakwaWadi 18 uLunga Dyantyi (ANC) uthe, “Ulwaphulo-mthetho apha lukhula mihla le.
Uthe isikhululo samapolisa asinabasebenzi abambalwa kwaye singenazo iimoto zaneleyo.
U-Andile Somana, weSomana Construction, uthe lo mba ubuyela enkundleni okwesibini. Uthe kwiinyanga ezintandathu kwikhontrakthi kukho imiba eyahlukeneyo yekontraka, angakwaziyo ukwabelana ngayo neGroundUp okwangoku.
Uthe isebe liye layimisa le projekthi emva kweenyanga ezimbalwa ukuze kulungiswe le miba. Uqikelele ukuba ngoko umsebenzi wawumalunga ne-30-40% epheleleyo.
USomana emva koko waya enkundleni kwaye lo mba wadluliselwa kulamlo, owagqitywa ngo-Epreli ka-2017 ethethelela uSomana, utshilo uSomana.
Kodwa isebe alizange liyithobele kwaye ngoku ubuyele enkundleni ukuze anyanzelise isebe ukuba liwuthobele umyalelo wolamlo, nokuba amagosa adelele inkundla, utshilo.
Ngokutsho kwakhe, ngokwemigaqo yolamlo, isebe bekumele ukuba ligqibezele iprojekthi neSomana Construction kwaye lihlawule zonke iimali ezingekahlawulwa ngomsebenzi owenziweyo.
USomana uthi isebe lisabatyala izigidi ngezigidi, kodwa le mali kufuneka igwetywe.
UMchunu akakhange anike zinkcukacha zetyala. Ukwadize ukuba esinye isiza siyaqwalaselwa kwaye i-SAPS ibixoxa ngalo mba.
Isithethi samapolisa eMpuma Koloni uPriscilla Naidu uthi izicwangciso zokwakhiwa kwesikhululo esitsha sele ziqhuba, kwanendawo echongiweyo.
“Uthethathethwano lukwinqanaba eliphezulu phakathi kwe-SAPS kunye neSebe leMisebenzi yoLuntu ukuze kuqukunjelwe izicwangciso zeprojekthi. Umkomishinala wephondo uwubeke phambili lo mba ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba uluntu lwaseNgqamakhwe neziphaluka luyazifumana iinkonzo,” utshilo uNaidu.
Ukhanyele ukuba isikhululo sineemoto ezimbalwa kakhulu.
Uthe iindawo zangoku zangasese ziyalungiswa kwaye ukulungiswa kombane kusalindelwe. Ijenereyitha ehambayo kunye nezibane ezitshajwayo ziyasebenza ngoku.


