Amaphara azenzela unothanda kwindlela u-R61
15 EyeKhala (July) 2024 – 24 EyeKhala (July) 2024 – Monwabisi Khininda
Umkhuba wokutshatyalaliswa kwezibane ngamaphara kuhola wendlela u-R61 enqumla eCorana, eGxulu eLibode kudala inkxwaleko nokukhathazeka kurhulumente wephondo neeNkosi zemveli.Phakathi kwedolophu yaseMthatha nelali iGxulu eLibode kulele uwaca phantsi kwizibane zika-SANRAL kwaye abahlali abaphuma sekuhlwile emisebenzini basengozini engathethekiyo. Lo mhlaba uwela phantsi komasipala waseNyandeni nangona ukufutshane kakhulu kwidolophu yaseMthatha. Kuvakala ukuba amaphara awisa ezi zibane akhuphe igilasi nomgubo othile awutshaye ukuze aqhunywe.
INkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane ngethuba ethetha kwilali uJengce kuTsolo kwinyanga ephelileyo ugxeke kabukhali lo mkhuba wokonakaliswa kwezibane ezifakwe ngu-SANRAL.Waye wabongoza umasipala wase-KSD nowaseNyandeni ukuba bakhangele iqhinga lokulwa lo mkhuba. Uthe akusoze kuvunyelwe oonqalintloko bazenzele unothanda.
INkosi yelali yaseCorana uNkosi Xolani Gonyela uthi indlela ezafakwa ngayo izibane ku-R61 ngunozala wokuqhawulwa kwazo lula ngamaphara. “Kwakufanele zombelwe kwafakwa udaka lwesamente kungabikho lula ukuzikhulula.Kukho imizi ekuvakala ukuba ilayita ngazo lonto yenza nzima ukunqanda lo mkhuba. Kuzofuneka kuvuselelwe ikomiti zokulwa mthetho eCorana. Ezinye izibane ziwiswa ziingozi zeemoto afike amaphara sele zilele phantsi.”
Othethela umasipala wase-KSD uSonwabo Mampoza uthi nangona ezi zibane zikumhlaba waseNyandeni kodwa lo mkhuba uchaphazela iKing Sabata Dalindyebo ngendlela embi. Uthi abophuli mthetho bophula umthetho kwiindawo zabo babalekele kwidolophu yaseMthatha.Uthembise ngokuba umasipala wakhe uzoyiqwalasela le meko ngokukhawuleza. Ziwe phantsi inzame zokufumana impendulo kumasipala waseNyandeni ngongenelelo lokulwa lo mkhuba oqhubeka eGxulu naseCorana.

