Amapolisa akuQumbu aphica ababulali
07 EyoMsintsi 2023 – Monwabisi Khininda
KUQUMBU
Amapolisa akuQumbu awalali buhlayo ubuthongo aphica ababulali bamadoda amathathu kwiveki ezimbini ezidluleyo. Kwisiganeko sokuqala kudutyulwe kwabulawa iKhansela lakwa wadi 23 phantsi komasipala waseMhlontlo, uMkhululi Khonza.Umbutho we-ANC abewukhonza uKhonza uvakalise umothuko sesi siganeko. UGift Ngqondi oyintloko yezonxibelelwano eMpuma Kapa uthe: “ Siyazigxeka iziganeko zokubualwa kwenkokheli zoluntu kuba ezo zenzo azinandawo kwidemokrasi. UKhonza ubekwe kwikhaya lakhe lokugqibela kuQumbu kwiveki esisuka kuyo.
OSisithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli ungqinile ukuba amapolisa aphanda iziganeko ezibini zokubulawa kwabantu.Kwisiganeko sesibini amadoda amabini abesiya kwilali yaseBhalasi kwedlula isithuthi kwavela abantu abadubula kwesi sithuthi bebehamba ngaso. Kwaye kwasweleka uBandla Xhentsa (47) noLinda Dube (27). UXhentsa ebesaziwa ngokuba ngumnikazi wamahashe omdyarho, uDube eyinkweli yamahashe akhe.
UXhentsa ebesaziwa ngokusoloko ephumelela imidyarho yamahashe. Nangalomhla adutyulwe ngawo ebesuka kuyothatha ihashe lakhe kuQumbu.