INkosikazi eyabulala indoda yayo noBen 10 bagwetywe ubomi
07 EyoMsintsi 2023 – Monwabisi Khininda
EMATATIELE
UVuyelwa Bhalawese noSiyanda Majola bafunyaniswe benetyala lokubulala indoda kaVuyelwa enama-59 eminyaka ubudala, baze banikwa isigwebo sobomi umntu ngamnye. UVuyelwa onama-46 eminyaka wapheka iyelenqe noSiyanda Majola oneminyaka engama-25, bapheka iyelenqe lokuba babulale indoda kaVuyelwa ukuze batye kakuhle imali yomyeni. Kubungqina bayo inkundla idize ukuba uVuyelwa noSiyanda bebezizithandani, ngelishwa eloyelenqe leviwa ngumtshana womfi owenze ukuba babotshwe izandla nenyawo aba babini.
Ukubulawa komyeni kaVuyelwa kulandela ingxabano eyaqhambuka phakathi kwabo  ukubuya komyeni eGoli. Kudizwe ukuba umyeni wayesoloko ethumela imali emfazini esithi makamthengele iigusha ukuze afuye zona xa sele ehleli phantsi;kodwa konke oko zange kwenzeke kuba uVuyelwa wayidla no-Ben 10 leyo mali. Bathe bakujamelana nale ngxaki bathatha isigqibo sokuba bamgqithise amafu.
Ngethuba kuxoxwa ityala esi sibini sazithethelela ngokuba asinatyala.Inkundla yona kubungqina enabo ifumanise ukuba aba babini banetyala baze bagwetywa. UBarry Madolo weGunyabantu leZotshutshiso eMpuma Kapa usamkele esi sigwebo ekwancoma umsebenzi okhawulezileyo wegqiza ebeliphanda eli tyala.

