AgricultureLocalNews

Ayaphuhliswa amanina kwezolimo e Alfred Nzo

07 EyoMsintsi 2023 – Anele Raziya

ENTABANKULU

Umasipala waseNtabankulu kwingingqi yaseAlfred Nzo uyaqhuba nokuphuhlisa amafama angamanina ukuqinisekisa ukuba nawo athatha ixhanxeba kuqoqosho lweli.

Kulandela emva kokuba uSodolophu woMasipala waseNtabankulu, uTsileng Sobuthongo evale inyanga yamanina ngokwakhela amanina welali yaseMazeni indlu azakuthi agcine kuyo iinkukhu.

Amanina welali yaseMazeni aneprojekthi yeenkukhu ekundala eyiqhuba kodwa ebesokola indawo esemngangathweni yokuhlalisa kuyo iinkukhu.

Emva kokuba uSodolophu, uSobuthongo wakhe watyelela lamanina afuye iinkukhu zenyama nezamaqanda kunyaka ophelileyo, waye wenza isithembiso sokuba bengumasipala bazakuwancedisa ngokuwakhela isakhiwo esikulungeleyo ukuhlala iinkukhu.

Ngenene umasipala waseNtabankulu uye wayokha indlu kwaye wayifakela amatanki wamanzi amabini kwaye kwabiywa iyandi ngocingo ukulungiselela ukhuseleko lwaleprojekthi.

Uphinde uSobuthongo wanika le projekthi yakwaWadi 19 amantshontsho weenkukhu ayi500 ukuba lamanina aqhubele phambili nokuvelisa iinkukhu zenyama nezamaqanda.

Oomama belila yaseMazeni baye bayibulela inkxaso yomasipala kwaye bathi bazakutsho iinkukhu zabo bazifuyele kwindawo ezilungeleyo.

Ngelinyathelo umasipala uzama ukunika wonke ubani ithuba lokuba axhamle kwinkonzo kwaye wonke umi waseNtabankulu adlale indima kuqoqosho lwasekuhlaleni.

USobuthongo usoloko ebakhuthaza abantu baseNtabankulu ukuba bazivulele ookopolotyeni neeprojekthi ngenjongo zokuba bagxothe indlala emakhaya.

Kwaye nabo balimayo kwicala lamafama uyabakhuthaza kwaye umasipala ubanika inkxaso nabo ngalo lonke ixesha.

Indawo yaseNtabankulu yenye yeendawo ezi zinze emaphandleni nto leyo echaza mhlophe ukuba amathuba weengqesho awaxhaphakanga koko abantu abantu baphila ngokwenza imisebenzi yeezandla ukufuya nokulima nezinye izinto.