Sports

Iqela laseNtabankulu i-‘Executive Ladies’ liphakathi kwamaqela abile emaxhaphetshu elungiselela ukuqala kwemidlalo ye’Sasol League’ kulo Mgqibelo siya kuwo.

Ngu Anele Raziya

Amalungiselelo weliqela aza emva kokuba umbutho webhola ekhatywayo, i’South African Football Association (SAFA)’ ide yabhengeza umhla wokuqala kwemidlalo ye’Sasol league’ eMpuma Koloni.

Umhla weshumi elinesine (14) kule nyanga uJuni (EyeSilimela) lusuku oluye lwakhethwa yiSAFA ukuba kuqale ngalo imidlalo ye’Sasol League’ nekwakumele ukuba iqale ekupheleni kwenyanga ka-Matshi (kuTshazimpuzi).

Ukubhengezwa kolu suku lokuqala kwale midlalo kulandela ingxelo ezithi i’SAFA’ iye yayibhatala ingxenye yemali yesibonelelo (grant money) ebikade iyityala amaqela waseMpuma Koloni isithuba esinokuthi sifikelele kwisizini ezimbini.

Ebutsheni balo nyaka amaqela adlala kweli nqanaba aye afaka izikhalazo kulo mbutho webhola ekhatywayo ngelithi awakahlawulwa imali zawo zesibonelelo nguwo.

Ezi mali ziye zincedise amaqela ukuba atyise kwaye aqashe imoto ezikhwelisa abadlali xa kuyokudlalwa. Kuphinde amaqela abhatale oosompempe abalawula imidlalo kwalapho kulo mali yesibonelelo abayifumana kwi’SAFA’.

Kuyabonakala ukuba kwisizini edlulileyo iphele amaqela engafumenanga kwa nto ntoleyo eye yabangela kumiswe imidlalo ngoMatshi (kuTshazimpuzi) ngenxa yokuba amaqela ebengenayo imali yokutyisa nokukhwelisa abadlali.

Kwiveki ephelileyo ivakele ingxelo ethi i’SAFA’ iyibhatele ingxenye yemali eyityala amaqela waseMpuma Koloni kwaye yabhengeza nokokuba imidlalo iza kuqala ngalo Mgqibelo.

Namaqela aye angqina ukuba ayifumene ingxenye yemali ayityalwa ngu’SAFA’ kangangokuba asajonge lo mbutho ukuba ubhatale naleyo isashiyeke ngakuwo.

Kodwa yona imidlalo kuthiwa iyaqhuba ngalo Mgqibelo, kangangokuba iintshatsheli ze’Sasol League Inland Stream’, i-Executive Ladies ziza kudlala ne-Eastern Cape Peace Lovers FC kumdlalo wokuvula isizini wayo ekhayeni.

Ukanti zozibini izi’Streams’ zeSasol League eziquka Inland neCoastal zizakuba zisindleke imidlalo yokuvula ngalo Mgqibelo emva kwemini ngentsimbi yesithathu.

Ukanti ngexesha ibimisiwe imidlalo yeSasol League oko amaqela ebehleli ngokuzilungiselela ukulinda ingakumbi i-Executive Ladies yaseNtabankulu namanye amaqela.

 Executive Ladies yaseNtabankulu ilungiselela ukuvula sizini yeSasol 
league.