ISixeko saseKapa siza kumisela iyunithi entsha yokukhusela abasebenzi basePhilippi
08 ISilimela 2023 – Sandiso Phaliso – Cape Town
Philippi
Kuyavuzwa ngolwazi olukhokelela ekubanjweni kwakhe nabani na ojolise kubasebenzi beSixeko
IsiXeko saseKapa siza kuphehlelela iYunithi yoKhuseleko lwamaZiko ukuze ikhaphe abasebenzi kwiindawo ezithathwa njengezona ndawo zigquba ulwaphulo-mthetho, ingakumbi ePhilippi.
Abasebenzi kunye neekontraka zesiXeko bachatshazelwe lulwaphulo-mthetho ngokudutyulwa kwabulawa umsebenzi kunye nabasebenzi bekontraka yokuqokelela inkunkuma iWastemart betyityimbiselw’ umnwe, kucaca ukuba liqela elixhwila imali yokhuseleko kwiikontraka zikarhulumente. NgoLwesihlanu, abasebenzi abahlanu besebe lezamandla badutyulwe ngelixa belungisa imasti ephezulu kunye nezibane zasezitalatweni eCrossroads. Inkunkuma iye yafumba ezitratweni.
IsiXeko sisebenzise iifemu zabucala zokhuseleko kwakunye namagosa ogcino-mthetho eSixeko ukukhusela abasebenzi ababonelela ngeenkonzo ezibalulekileyo ePhilippi East, eCrossroads, eBrowns Farm naseSamora Machel.
Kubonelelwa ngebhaso elifikelela kwi-R5,000 kulwazi olukhokelela ekubanjweni kwakhe nabani na ojolise kubasebenzi beSixeko ngokuphanga nangobundlobongela kumasipala ombaxa wonke, ilungu lezoKhuselo noKhuseleko laseMayco, utshilo uJP Smith kule veki. Uthe “ukusabela kwizisoyikiso ezixhaphakileyo kubasebenzi nakumaziko, iSixeko siza kuphehlelela kungekudala iYunithi yoKhuseleko lweZiko, nayo eza kubonelela ngokukhapha abasebenzi apho kuyimfuneko”.
“Izigrogriso zobundlobongela ezithe gqolo zikhokelele kwimfuneko yokhuseleko lomthetho nje ukugcina iinkonzo ziqhubeka kubahlali. Singababeka ngasemva aba baphangi ngoncedo lwabahlali,” utshilo uSodolophu uGeordin Hill-Lewis kutyelelo ePhilippi ngoMvulo.
Uthe kuqeshwe umcuphi okhethekileyo oza kuqhuba amatyala apho ulwazi lunokukhokelela ekubanjweni nasekugwetyweni.
UBeverley van Reenen, iLungu leMayco lezaMandla, uxelele iGroundUp ukuba amaqela ombane aye arhoxiswa okwethutyana eluntwini ukusukela oko kwadutyulwa ngoLwesihlanu.
“Amagosa esixeko asebenza phantsi kweemeko ezinzima kakhulu ngamanye amaxesha. Bakhe, kwezinye iimeko, badutyulwe baphangwa izinto zabo ngelixa behambisa iinkonzo eluntwini,” utshilo.
UGrant Twigg, iLungu leMayco loLawulo lweNkunkuma yasezidolophini, uvume “ukuphazamiseka okukhulu” kwindawo yasePhilippi East kwiiveki zakutshanje ngenxa yolwaphulo-mthetho kunye nabaphangi. “Sikwazile ukuqalisa iinkonzo kwakhona ngenxa yokukhapha umthetho. Nangona kunjalo, ayizinzeki. Uluntu kunye ne-SAPS kufuneka basebenzisane nathi ukubamba abaqweqwedisi kwaye baqinisekise iziphumo zesi senzo solwaphulo-mthetho siphazamisana nokunikezelwa kweenkonzo ezisisiseko kwabona bahlali bahlelelekileyo,” utshilo.
Isithethi seeNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS) u-Andre Traut uxelele iGroundUp ukuba ukusabela kumatyala angxamisekileyo nanzima kudla ngokuba yinto ephambili njengokukhapha abasebenzi bakamasipala kunye neekontraka kwiindawo ezinolwaphulo-mthetho.
“Izikhululo zamapolisa zikho ukuze zincedise ngokujikeleza nokubonakala kwiindawo xa kukho isithuthi”.
Kodwa ngaphandle kweenzame zesiXeko zokucoca iPhilippi, iGroundUp yabona imfumba yenkunkuma ithe saa kwiSamora Machel kufutshane neHarry Gwala Road, Oliver Tambo Drive kunye namatyotyombe aseKosovo.


