Uncategorized

Kulungiswa amabala ezemidlalo

Intatheli: Anele Raziya | Mnquma

Ukulungiswa kwamabala ezemidlalo abesemngangathweni kuzo zonke iindawo zaseMnquma yenye yezinto ekufanele ukuba urhulumente ayibeke phambili kwizinto azenzayo. 

Lawo ibingamazwi wegqala, uMzothando “Bhuti Gqudu” Makhala owazenzele igama ngexesha edlala kwiqela laseGcuwa, iBlackburn Rovers FC kwiminyaka eyadlulayo. 

UMakhala uwathethe lamazwi kutsha nje eGcuwa ngexesha kusindlekwe itumente yebhola ekhatywayo ethiywe egameni lakhe, ibizwa ngokuba Bhuti Gqudu Youth Development tournament. 

Itumente yakhe ibanjwa rhoqo ngonyaka kwaye idlalwa ngamaqela abaneminyaka elishumi elinesithathu uyokuma kwishumi elinesihlanu (U/13 and U/15). 

Nangona sele ineminyaka engaphaya kwesithathu iqhuba itumente lena, kodwa uBhuti Gqudu uthe amaqela wasekuhlaleni eMnquma asajongene nomcelimngeni wokudlala kumabala angekho kwisimo esincumisayo. 

“Ndiyanqwenela urhulumente wethu alungise amabala walapha ekuhlaleni kuba imeko yawo ayintlanga ncam kodwa bayaqhuba bayadlala abantwana kuba bathanda ibhola ekhatywayo,” kutsho uMakhala. 

Uqhube wathi bakhona abantwana abanesiphiwe sokudlala ibhola ekhatywayo eMnquma kodwa imeko yamabala ayincedisani nabo ubakhuthaza xa beyokudlala njengoko engekho kumngangatho oncomekayo uninzi lawo. 

Uthe uyayibona imizamo yomasipala waseMnquma owakha ibala kwilokishi yaseMsobomvu, kodwa uthe uyanqwena ukuba zonke iindawo zinganawo amabala akwizinga elincumisayo. 

Indawo yaseMnquma yayifudula ivelisa abadlali abakwizinga eliphezulu ingakumbi ngexesha lika Bhuti Gqudu, emva kokuba eyekile udlala yena uye wabangumqeqeshe kwiBlackburn Rovers FC. 

Njengokuba ebengumqeqeshi uye wavelisa abadlali abaninzi uBhuti Gqudu, abafana noWanda Mtwa, Samkelo JamJam, Bulelani Mgqobhoka, Luxolo Matikinca kunye nabanye. 

Bonke abobadlali baphuma kwizandla zakhe kwiBlackburn Rovers FC baye bayifumana nenyweba yokudlala kumngangatho ophezulu ofana noweNational First Division nangasentla. 

Kodwa xa kunamhlanje lehla izinga lokuvelisa abadlali abafikelela kwelo nqanaba ngenxa yokuba uBhuti Gqudu esithi kwanqaba inkxaso nakosomashishini. 

Uthe ngexesha labo yayixhaswa kakhulu ibhola ekhatywayo ngoosomashishini kwaye lonto yayiwakhuthaza amaqela. 

Xa kunokuphinda kubuye inkxaso yoosomashishi kwibhola yaseMnquma kwaye norhulumente aphucule amabala nangakumbi, kungaphinda kuveliswe abadlali abakwizinga eliphezulu. 

Ngokwegalelo lakhe elincomekayo kwibhola ekhatywayo eMnquma uBhuti Gqudu, ebesando wongwa ngumbutho webhola, iMnquma Sports Confederation.