Crime & SafetyLocalNews

Owayeskuba yiManejala yeposi ugwetywe ishumi leminyaka ngobuqhophololo

07 EyoMsintsi 2023 – Monwabisi Khininda

EMATATIELE

UThemba Nyamela (33) owayesakuba yiManejala yeposi yaseCedarveille eMatatiele kwiveki ephelileyo ugwetywe ishumi leminyaka emva kokulahlwa lityala lobuqhophololo abejamelene nalo. Kweso sigwebo kuxhonywe iminyaka emibini ixhonyelwa iminyaka emihlanu. Esi sigwebo siwiswe yiMthatha Specialised Crime Court kwiveki ephelileyo. UNyamela waye waphelelwa ngumsebenzi akubanjwa.

UNyamela walivuma ityala lobusela bemali ekwi-R1.1 yesigidi kwisithuba seminyaka emithathu ukusukela ngo-2019 ukuya ku-2021. Ezithethelela uthe le mali wayeba kuba wayethe zwabha ematyaleni engakwazi ukuwahlawula; waze wabona ukuba indlela elula kukweba imali yeposi ekwakufanele ukuba uyayivalela. UNyamela udize ukuba wayenengxaki yokungcakaza awayesoloko enethemba lokuba uza kuwelwa ngumqa esandleni aze akwazi ukuyibuyisela imali awayeyebile.

Inkundla idize ukuba uNyamela wangena eposini engunoposi ohambisa iincwadi waze wonyuselwa wangumbali zimali  (cashier) de ayoba yiManejala ebambeleyo. IGqwetha lombuso uNeziswa September ubongoze inkundla ukuba imnike ishumi elinesihlanu leminyaka ethothoza ejele kodwa inkundla yaphikisana nesosigwebo kuba ummangalelwa walivuma ityala abekwa lona kwaye neemali zakhe zomhlalaphantsi zizakudontswa ukuhlawula imali awayebayo.

UBarry Madolo oyiEastern Cape Director of Public Prosecution umncomile uMtshutshisi nabaphandi betyala ngokuqinisekisa ukuba ubulungiswa buyafezeka.