Sitshisiwe isikolo saseUpper Corana
07 EyoMsintsi 2023 – Monwabisi Khininda
ELIBODE
Abafundi abebelugcwabevu ngumsindo beqhankqalazela ukufundiselwa kwisikolo esidala esibhodlokileyo i-Upper Corana Senior Secondary School kwilali yaseMisty Mount bawatshise onke amagumbi okufundela. Ukutshiswa kwesi sikolo kuqhubeke kusuku lwangoLwesine weveki esiyishiyayo baze kamva abafundi bayovala uhola wendlela u-R.61 kwatsho kwadaleka ingxinano enganyamezelekiyo kubantu abasebenzisa le ndlela ephakathi koMthatha neLibode. Esi sikolo sineminyaka engaphaya kwamashumi amathandathu sikhona.
Inkokheli yabahlali yaseMisty Mount uVukile Kota uthe: “Andilixhasi eli nyathelo lenziwe ngabafundi lokutshisa isikolo kodwa ndingalixhasi njalo akeva urhulumente wethu, sikhokhelwe ngurhulumente ophakama kusotshiswa izinto. Ngonyaka ka 2021 ndandiququzelela ukokhiwa kwesi sikolo,ndithetha noMphathiswa weZemfundo uFundile Gade kwafumaniseka ukuba kuvela ityiwe imali eyi-R20 yezigidi eyayabelwe ukwakhiwa kwesi sikolo kodwa washiya izithembiso zokuba kungekudala sizokwakhiwa kodwa kunanamhla akukabikho nto ekhombisa ukuba sizokwakhiwa”.
Isithethi kwisebe leZemfundo eMpuma Kapa uMalibongwe Mtima uthe: “Ngokwenene sizifumene iingxelo zokuba atshe wonke amagumbi okufundela kwisikolo sase-Upper Corana,abafundi bebanga leshumi abachophela iimviwo zabo (trial exams) sesibacelele indawo kwesinye isikolo,nanjengoko abazali, iSGB, ooTitshala kunye nabahloli babambe intlanganiso ngelikhangela amacebo wokuba abanye abafundi abakumanye amabanga mabacelelwe phi na ukuze baqhubeke nezifundo zabo”.


