CommunitySports

Iqela laseGcuwa, iFC Tshabalala lizakusindleka itumente yebhola ekhatywayo

14 EyoMsintsi 2023 – Anele Raziya

EGCUWA

Iqela laseGcuwa, iFC Tshabalala lizakusindleka itumente yebhola ekhatywayo ngelikhumbula ongasekhoyo uTata uMavuso “Scara” Malangeni kwiveki ezayo.

Iidyongwana ezingaphantsi kweminyaka eyi13, U/15 noU/21 kulindeleke ukuba zikhuphisane kwitumente ezakuqala ngomhla wamashumi amabini anesithath uyokuma nge25 (23-25 Heritage day) kule nyanga kwaye imidlalo iza kubanjelwa eMsobomvu eGcuwa.

Injongo zale midlalo kubulela igalelo elidlalwe nguMalangeni kuphuhliso lwebhola ekhatywayo kwindawo yaseMnquma.

UScara owayenguMphathi weqela iFC Tshabalala, walandulela eli kwiminyaka engaphaya kwesihlanu eyadlulayo kwaye umzila wakhe kwibhola yaseGcuwa neendawo ezingqongileyo usabonakala.

Omnye wabaququzeleli, uSimpiwe Siyongwana uthe onke amaqela adlala kwiMnquma local football association (Mnquma LFA) azakuba yinxalenye yale tumente.

Injongo zokwenza njalo bafuna ukhuthaza onke amaqela wasekuhlaleni ukuba abeyinxalenye yepromotion league ukuze adlale ngaphantsi kweemithetho yebhola yeli.

Amagqala webhola ekhatywayo eMnquma azakuba eyinxalenye yale midlalo uzokunika amazwi enkuthazo abantwana abasadlalayo.

USiyongwana uthe ezinye zenjongo zabo ngale tumente kufuna ugcina igama lika Scara lisomlonyeni wabathandi bebhola kwaye yaziwe neemisebenzi ayenzileyo ngexesha ebezandla amazimba.

Amaqela aqhube kakuhle ngexesha lale tumente azakuphumelela iindebe, iimbasa zegolide kuquka nezinye izixhobo zokudlala ibhola.

Ukusindleka kwemidlalo rhoqo eMnquma yenye yezinto athi uSiyongwana iqaqambisa ikamva labantwana kwaye inciphise namathuba wokuba basebenzise iziyobisi.

IMnquma LFA izakusebenzisana neFC Tshabalala uqinisekisa ukuba le tumente kaScara ibayimpumelelo.