Wabele usapho lwakhe izigidi
07 EyoMsintsi 2023 – Monwabisi Khininda
EMAKHANDA
UKhayalethu Sakawuli (60) ubanjelwe ubusela bokuba neminwe emide kwimali yosapho lwakhe (Family Trust Fund) isixa mali esingange R2.8 yezigidi. UKhayalethu ubanjwe kweyeThupha licandelo looKhetshe lisebenzisana neGunya Bantu lezoTshutshiso (NPA). Othethela ooKhetshe uWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana ungqinile ukuba iingxelo zidiza ukuba bonke abantwana boyise ongasekhoyo babebhaliswe ukuba baxhamle ngokulinganayo.
Ngomhla we-30 kuTshazimpuzi 2021 kutyholwa ukuba uKhayalethu nongubhuti omdala wenza ubuqhetseba bokubagudluza ecaleni abantakwabo kwiTrust oko ekwenza kwinkundla yeMaster of The High Court eMakhanda. UKhayalethu waxoka enkundleni esithi abantakwabo bafuna ukuthi gu ecaleni.
“Izityholo zikwadize ukuba lo ka Sakawuli ngokukhawuleza okudibene nokungxama waxhamlisa olwakhe usapho,” kucacisa uMhlakuvana.Ukongeza, abantakwabo bangqinile ukuba nangolwesingaphi abazange banike umrhanelwa imvume yokwenza izinto yedwa. Ukanti lo mrhanelwa ebeqhubekeka ekhongozela imali yabantu abaxhwarhileyo eydyakraza kwizinto zakhe.OkaSakawuli ukhululwe ngebheyile yamaR20.000 kwangosuku lokuvela kwakhe enkundleni. Ityala limiselwe umhla we-15 kweYoMsintsi 2023.