CommunityNews

Bazakuxhamla abahlali base Chibini eNgcobo

Yonela Mpaka – 27 July 2023

ENGCOBO

Umasipala wase Dr AB Xuma uthe wayokuphethula isoyi kwindawo ekuzakuthi kokhiwe kuyo izindlu zabantu belali yase Chibini. Emva kweminyaka abahlali belali le belindile ngenxa yengxoxo ezazingade zipase ekuquka kuzo abantu ababezithathele amanxiwa kwindawo leya nabathi abahlali ayizuqhuba iproject le yolokhiwo kukho abantu bezinye indawo.

Lide lafezeka ke iphupha labo emva kokuba befake namagqwetha okubalwela. Abahlali belali yase Chibini bathi baseka ikomoti ezikumana iyoxoxa nomasipala. Ilungu lekomiti utata uSibongile Rhatshana uthi balwe idabi ngomhlaba kuba bebefuna ukubona abantu belali bexhamla ngokufanelekileyo kungekho ziqu zivalelwa ngaphandle.

“Side safikelela kwisigqibo  nesivumelwano soba iprojecthi mayiqhube abantu bokhelwe izindlu, ebesingakufuni kukuthathelwa umhlaba wethu sijongile, sivene nomasipala siyavuya kakhulu xa ngoku abo basweleyo bezakude babendawo yokufihla intloko, “utshilo u Rhatshana  nokwikomiti yokuhlala. Umasipala wase Dr AB Xuma phantsi kuka Sodolophu uSiyabulela Zangqa kwakunye ne Ofisi yokuhlaliswa koluntu ikuvumile  ukuba abantu bazokokhelwa izindlu zikarhulumente.

OnguSodolophu kumasipala uCllr Siyabulela Zangqa uthi ingxaki bezikhona kodwa bakwazile ukuzisombulula kuba bathethe neNkosi yendawo kwakunye nabahlali. “Sizokuthi kubahlali base Chibini izindlu ezingapha kwewaka zizokokhiwo kulomhlaba wase Newrest, siyafuna ukutsho ukuba nathi sifundile kolulibaziseko sifuna into enje ingaphindi yenzeke, sicela sibambisaneni xa uqhuba lomsebenzi ukuze uzobalula nakwabo basincedayo,” utshilo u Zangqa. Sele kuqaliswa ukwenziwa imisebenzi ebonakalisa ulwakhiwo lwezindlu. Izixhobo zokusebenza nazo sele zikhona.