CommunityCrime & SafetyNews

Umngcelele wokuchasa ukubulawa kwamanina eLusikisiki

14 EyoMsintsi 2023 – Monwabisi Khininda

ELUSIKISIKI

Uluntu lwaseLusikisiki luphume ngesininzi ukuya kumngcelele ochasene nokugetyengwa kwamanina. NgoMvulo weveki esusuka kuyo abahlali abebevutha ngumsindo kulandela isenzo sokugetyengwa kukaZimasa Mkwedini.Lo mngcelele ubuzinyaswe ziinkokheli zasekuhlaleni kuquka uNkosi Nonkonyane, iinkokheli zakwaLizwi noPetros Majola ongumkhuseli wamanina nabantwana. Eyona nto yothuse abantu xa kufikwa kwaMantyi yeyokuba ityala zange lifakwe nokufakwa kuluhlu lwamatyala aza kuxoxwa kuleyo nkundla.

Ingxelo ezivakalayo zezokuba amapolisa abamba avalela umrhanelwa kodwa alavulwa ityala okanye alafakwa kuluhlu lwamatyala nto leyo eyabangela kungabikho bungqina buphathekayo. UKanti uMnu.Cetyane uyathembisa ukuba uza kuphandwa uMasitishi waseLusikisiki uMnu. Kufa ngentetho ayenze kushicilelo ngexesha esenza undliwano ndlebe nonondaba wesikhululo iNkonjane Fm.

Okokugqibela abahlali baye bangqibela ngokuyobamba umthandazo kwindawo awabulawelwa kuyo uZimasa Mkwedini. Lo mthandazo ubukhokhelwe ziinkokheli zakwaLizwi. UZimasa ufihliwe ngeCawa esisuka kuyo efihlelwa eMgojweni eLusikisiki.