BusinessCrime & SafetyLocalNews

Ugqogqa kwiivenkile zo “My Friend”

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

Abahlali kwilali yaseNtshingeni neNkosi bebephelekwe ngamapolisa xeshikweni beqhuba ugqogqa kwiivenkile zabemi bangaphandle ezikulommandla waseNtshingeni phantsi komasipala Intsika Yethu. INkosana uAndile Dotwana nongomnye wabantu abebeququzelele lo gqogqa uthi basungule eliphulo lokungena kwivenkile bengabhungisanga bachukunyiswe sisimbonono, esigqibe ilizwe, esokubhubha kwabantwana kukutya okudala okuthengiswa kwivenkile zabemi bangaphandle “ ooMy friend”.

Uthi zintathu iibhaki ezigcwele qhu kukutya okuphelelwe lixesha nabafike kusesezishelfini, nalapho kuyiminyaka okunye kwaphelelwayo.Uthi ziintloni into abafike bayibona kwezi venkile nanjengoko ukutya okuphelelwe lixesha kungenakutyiwa nayihagu.

Lo kaDotwana uthi abalwanga naba somashishini kodwa bafuna kulungiswe indlela yokuhlala nabantu. Uqhube ngelithi bazakuqhuba neliphulo abagqibelisanga, nyanga nenyanga bazakujikeleza ezivenkileni bekhangela undonakele nanjengoko le ngxaki ingenzeki kwiindawo ezikude isenzeka apha ebantwini kwaye kubalulekile ukuba kubanjiswane ukulwa nalomkhwa wabemi bangaphandle wokuthengiswa kokutya okuphelelwe lixesha.

Uqhube ngelithi phakathi kokutya abakufumeneyo yinyama ebolileyo,iziselo,umgubo nezinye izinto ezininzi. Ukwathe wenza umbulelo kwabo bathathe inxaxheba kweli phulo.