CommunityEducationNews

Bafunelwa ikamva eliqaqambileyo abo basafundayo

21 EyoMsintsi 2023 – Yonela Mpaka

NGCOBO

Isikolo samabanga aphantsi iNduku eNgcobo besibambe usuku lokuxhobisa abafundi ngendlela zokuziphatha.Oku kuza emva kokuba kubonakala maninzi amaxhoba eziyobisi. Abantwana besikolo abancinci nabazithe bhakada kutywala nabo bangamantombi. Uchukumisekile u nongu Nontlalontle kwisikolo esi. Uthi iziganeko ezenzekayo kwisikolo esi kungathi sesabantu abadala.

“Ingxaki abahlangana nazo abantwana kumakhaya abasuka kuwo zingunobangela wokuba bazibhaqe sele bengamaxhoba,amakhaya angazinzanga ukulwa kwabazali phambi kwabantwana,ukungabaniki imfanelo zesikolo, ukungabanaki xabesiza nengxaki abadibana nazo zezinye zezinto ezingunobangela wokuba bazibhaqe sele besela,bakhona nabachwechwelwa luxinzelelo lengqondo umntana angakwazi ukumanela kakuhle sele kufundiswa eclasini kubenzima, zingxaki ezisibangela siyofuna uncedo nakwamanye amasebe,“ utshilo.

Amasebe karhulumente alisabele ikhwelo azokuthetha nabafundi ngezinto ezinobanceda bakwazi ukuqhuba nemfundo yabo.Oyinqununu kwisikolo esi uMnumzana Tyuthu ukungqinile ukuba abantwana banalo uxinzelelo. “Sithe makhe sibize nabanye abantu bazosincedisa khekuthethwe nabantwana ingabisithi abasoloko bethetha, zikhona ingxaki ezenziwa ngabantwana kodwa sifuna ukuthi kubazali mabakhe babeke iliso ebantwaneni bangabaqhubelinje esikolweni, silimemile elacandelo lesipolisa kuba sifuna bayazi ubungozi bokumosha ukuba umntu uphelela ejele uyabanjwa,sinethemba lokuba sakukhe ngoku siphumle kancinci kuba bafundisiwe kakhulu,“ utshilo uTyuthu noyinqununu.

Abazali babiziwe bayinxalenye yolusuku nabavuye kakhulu bakubona abantu abasuka ngaphandle bezothetha nabantwana .Ongumzali umama uNocingile Mgudlwa uthi balindele umahluko kubantwana babo kuba abathandi xabemane bebizwa esikolweni ukuyoxoxa, bafuna abantwana bafunde bapase babezizinto abanqwenela ubazizo.