Umasipala waseMnquma uphinde waqalisa inkqubo yawo yokujikeleza ubamba indibano kunye nabahlali
21 EyoMsintsi 2023 – Anele Raziya
CENTANE
Injongo zale nkqubo kunika abahlali ithuba lokuba baphakamise imicelimngeni abajongene nayo ekuhlaleni kwaye bacebise norhulumente malunga nezinto abazidingayo ukuze kuphucuke impilo zabo.
Kwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo uMnquma ukhe watyelela ilali zakuCentane nalapho efike abahlali bekhala ngomcimbi weendlela ezikwimeko emaxongo ingakumbi lena isuka kuCentane edolophini isiza eGcuwa.
Abahlali bathe banethemba lokuba njengokuba urhulumente ebonakala eqalisa ukuyenza lendlela lonto inikisa ithemba lokuba ungabetha unyaka ozayo ukhona umahluko.
Ukusukela kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo kwindlela esuka eGcuwa isiya kuCentane edolophini kubonakala abasebenzi benkontraka abavala imingxunya kwaye nabazama ukwenza indlela ngokutsha.
Lonto iye yanika ithemba kubahlali belali ezininzi kuCentane ngexesha usodolophu waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa ebambe indibano kaSodolophu, iMayoral Imbizo nabo.
Kule iveki uSodolophu uManxila-Nkamisa ekunyeke nekomiti yakhe bazakuya kwaWadi 21 nalapho bezakubamba indibano nabahlali kwisikolo iQholiwe JSS eNgqamakhwe ngoLwesine.
Wonke umhlali uvumelekile ukuba athathe inxaxheba kule ndibano ukuze aphakamise umcelimngeni awubonayo ekuhlaleni.
Iilali zaseNgqamakhwe zijongene nomcelimngeni neendlela ezingekho semngangathweni logama abanye abahlali besafuna urhulumente asondeze iinkonzo ezenziwa kwindawo ezifana noSASSA.
Lo gama abanye abahlali bekhala ngothwaxa yindlala kwaye banqwenela urhulumente axhase amashishini wabo wokulima nokufuya imfuyo ukuze balale betyile.
UMnquma kukwalindeleke ukuba atyelele nezinye iiwadi ngenjongo zokubamba lentlanganiso kaSodolophu.
