UMasipala waseMbhashe eDutywa ugxeleshe ukukhulisa uqoqosho
21 EyoMsintsi 2023 – Anele Raziya
DUTYWA
Umasipala waseMbhashe eDutywa ugxeleshe ukhulisa uqoqosho lawo ngeezonkekhetho kwaye urhwebe nabatyali zimali.
Oku kulandela emva kokuba umasipala waseMbhashe edize ukuba uza kusindleka umnyhadala wenkcubeko ontsuku ntathu ngeli qaphela inyanga yamafa namagugu wesizwe.
Kwiveki ezayo uqala ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe uyokuma ngomhla wamashumi amabini anethoba (27,28, 29 Septemba), umasipala uza kusindleka oko kuqala umsitho obizwa ngokuba ILifa Lo’Mbhashe Festival.
Xa kuqhuba umsitho kulindeleke ukuba kudlalwe imidlalo entlobo-ntlobo kwezemidlalo kwaye neemvumi ezaziwayo emculweni zizakutshintshiselana ngeqonga.
Lo gama kwelinye icala amashishini amancinane aquka awabathungi, abafuyi bemfuyo, abalimi nabo bathunga impahla bezakufumana ithuba lokubonisa ngemisebenzi yabo yezandla abeyenzayo kulo msitho.
Ngosuku lokuqala kulo mnyhadala, umdlalo obizwa table tennis, amanqindi, volleyball neDarts zizokuqhubela e-Indoor Sport Centre edolophini kuGatyane.
Iimbaleki zona zaseMbhashe zizokhuphisana kwi5KM, 10KM ne15KM yeemidyarho ezakuba ibanjelwa kwiKomkhulu lamaXhosa iNqadu Great Place ngomhla wam27 Septemba.
Kusuku olulandelayo kuzojikelezwa kuqwalaselwa imbali yoMbhashe (heritage tour) kuphinde kunikwe ithuba amashishini amancinane ithuba lokuba abonise ngezinto zawo.
Ngosuku lokugqibela lomsitho kulindeleke ukuba iimvumi ezifana noMama Lusanda Mcinga, Pastor the DJ waseMhlobo Wenene FM, Zuko SA, Sinovuyo, TZK , DJ SK noSekoz Woo-Novaphi bonwabise uluntu lwaseMbhashe kwibala lezemidlalo laseDutywa.
Ngokubayinxalenye yalo msitho akukho kwamntu ozakuhlawula imali kuba umnyadala ufele-fele kumntu wonke.
Ngokusindleka lomsitho umasipala ukhangela indlela zokurhweba abakhenkethi nabatyhali zimali ukuze babyiyinxalenye yokhulisa uqoqosho lwaseMbhashe.
Wonke uvumeleke ukuba azokonwaba kulo msitho kwaye usodolophu uSamkelo Janda uzakuba eyinxalenye yawo.

