CommunityLocalNews

NPA uphumile ezi ofisini uze ebantwini

08 ISilimela 2023 – Yonela Mpaka

Ngcobo

ICandelo lezotshutshiso(NPA) libambisene nawo onke amasebe ka rhulumente kuquka elo lezokhuselo kwakunye nomasipala belibambe imbizo kwisikolo samabanga aphezulu iCwecweni. Oku kuza emva kokuba ulwaphulomthetho kwakunye neziganeko zokubulawa kwabantu zisanda eNgcobo. Abezotshutshiso bebephume ngobuninzi beyothetha nabazali kwakunye nabantwana besikolo ngengxaki abahlanga nazo xa beyokuvula amatyala. Ukubanjwa kwabantwana abancinci ngenxa yolwaphulomthetho abalwenza bengacinganga ingakumbi ezikolweni yeyonanto isuse abo bezotshutshiso uba beze. Ukuphathana gadalala kwabafundi nokunukunezana zezinye zezinto ezibangele namanye amasebe angenelele.

Ongumtshutshisi kwisithili sase Gcuwa neziphaluka u Advocate Xalisa Lusanda uthi bazofundisa ngendlela zomthetho kuba baqaphele into yoba abantu abadala ngamaxhoba asoloko engenandawo anoya kuyo. “Sizobafundisa ngazo zonke indlela zokuchaza amatyala kuba siqaphele abantwana nabantu abadala bayahlukumezwa baze bangayazi mabathini emva koko, sizothi kubo ezizinto zimbi zenzekayo bathi mazicinezelwe zezoba zibanemivuka ekuhambeni kwexesha ufike abantwana sele bengamaxhoba eziyobisi kuba umntana wadlwengulwa kwatha mayicinezelwe, sizothi liphelile eloxesha ofuna ukuvalelwa sizakumvalela, iziganeko ezibikwa apha eNgcobo zolwaphulomthetho nokubulalana kwabantu zezona zisibangele safuna ukuza ebantwini, sihlaba ikhwelo lokuba nabanina ofumana uhlukumezo makangoyiki ukuchaza,” utshilo uAdvocate Xalisa.

Abafundi besikolo sase Cwecweni bakungqinile ukuba babangawo amaxhoba ezinto ezimbi abazali bathi mazigqunyelelwe.Asanda Mbanga nongumfundi webanga leshumi uthi amathuba okuba baveze indlela abava ngayo iyanqaba kungoko bephetha besiya kwiziyobisi. “Okusehlelayo singabafundi akunakulinganiswa nanto kuninzi kakhulu kodwa oko elicandelo lezotshutshiso lizile sivulekile ezingqondweni ukuba fanele senzeni xa sidibana nengxaki,” utshilo uMbanga. Abesipolisa nabo bakukhuthazile ukuba makuchazwe konke okwenzekayo nokuchaphazela ukungahlali kakuhle kwabantu.