Kuthiwa ihlawulwe imali yenkamnkam
28 EyoMsintsi 2023 – Intatheli kaDizindaba
KAPA
Abakwa Post Bank bavakalise iindaba ezimnandi kwabo bomnkela imali yesibonelelo sika Rhulumente (Grant) yabo baxamlayo. Apha kuqukwa iinkonde, iinkondekazi, abantwana kunye nabakhubazekileyo sibonelelo eso ekuthenjiswe okokuba kulindele okokuba siyaqala ngomhla wesithathu kuOctober. Ezi ndaba zimnandi ziphinde zongezwa nguMphathiswa Wezimali umnumzana Mondli Gungubele novakalise okokuba kuqutyiswene nengxaki yezobuchwepheshe (Technical glitch) nebigubungele iPost Bank.
Ngenxa yale ngxaki yobuchwepheshe kubonakale omnye ekhomb’ omnyehlweni logama omnye evikela iliso lakhe phakathi kuka SASSA nabakwa Post Bank. Kuvakala okokuba ngenxa yalo “Duntsu Bhaka” uninzi lwabaxhamli alukhange lube lukhotha naphantsi nangona belikhona igcuntswana elithe lafumana. Kuthiwa nelo gcuntswana luthe lwayifumana ingaphelelanga naloo mali emveni kokusokola luphoswa ngapha nangapha ngabakwa SASSA nabe Post Bank. Uninzi lwabaxhamli luthi ngoku lujongene namatyala aye akhula.
Bona abasemfuthweni wolwazi bathi nokude kube kufikelelwe ekunyanzelekeni okokuba kwenziwe iinzame zokukulungisa oku ibe ligalelo lombutho we DA nothe nogrogrise ngokuya kwii nkundla zamatyala malunga nento oyichaze njenge ntswela ntlonipho ngakumasebe kaRhulumente. Kubonakele umbutho we DA ufumana inkuthazo kulo mbandela waza wabonana neSebe Lamalungelo Oluntu nalapho kuthe kwangenelela nombutho weBlack Sash.
Isithethi seDA, unkosazana Bridget Masango sithe: “Singulo mbutho asikhange sibe singonwaba logama abo bahluphekileyo bebephethwe yindlala. Aba bebenyuka besehla bestshona ngapha nangapha bezama ukufumana le mali kodwa “Dololo”. Konke oku kubhentsisa into yokuba loRhulumente aphetheyo akanalulawulo lululo kuba oku akuqali kwenzeka phakathi kwa bakwa SASSA neSebe le Posi. Singulo mbutho weDA sicela okokuba uMphathiswa wakwa SASSA uLindiwe Zulu azame ukulangqingqwa khomikuze le nto ibuhlungu kangaka ingaphinde yehlele oomakhulu bethu,” utshilo.
