Ufunyenwe umanxebanxeba umzimba weNqununu
12 EyeDwarha 2023 – Monwabisi Khininda
LUSIKISIKI
Ifunyenwe inamanxeba okudutyulwa netshoba lilele umbethe iNqununu yesikolo iBuhlanyana S.S.S eLusikisiki, ngoMgqibelo. Amapolisa eli akungqinile ukuba umzimba kaRichman Hlubi Ntintili obenamashumi amahlanu anesine (54) ubudala ufunyenwe ulijaja ligazi namanxeba eembumbulu ufunyanwa kumlambo owaziwa ngokuba nguMtsila River eBuhlanyana.
Ukanti isithuthi sikamfi sifunyenwe eFlagstaff emveni kokubikwa njengomntu olahlekileyo.Kulindeleke abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngomhla we-14 kuOkthobha kwikhaya lakhe eBuhlanyana.
Kuyacelwa ukuba nabani ongathi abenomkhondo okanye ubungqina obungathi buncedisane nophando lwamapolisa atsalele le nombolo 0860010111.
