LocalNews

Umasipala wase Amathole usajongene nengxaki 

28 EyoMsintsi 2023 – Anele Raziya

XHORHA

Umasipala wesithili saseAmathole usajongene nomceli mngeni wokusilela ukuhambisa amanzi acocecikileyo nokugqambuka kwemiimbombo ehambisa ilindle kwindawo ezifana neDutywa eMbhashe.

Oku kuvele ngexesha umasipala waseAmathole ubambe inkqubo yakhe yokujikeleza oomasipala abangaphantsi kwakhe ebanika ingxelo malunga nendlela osebenze ngayo uqala kunyaka mali ka 2021/22 no2022/23.

Kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu umasipala ubuseMbhashe kwiholo yoluntu eXhorha nalapho uthe wabamba khona indibano nabahlali.

Ooceba nabasebenzi baseAmathole bebeyinxalenye yale ndibano ngenjongo zokucacisa indlela enkcithwe ngayo imali kule minyaka indlulileyo.

Ngokwengxelo kamasipala indadalazisa ukuba yonke into isaqhuba kakuhle kwicala labaphathi (administration) kwamasipala nangona bekukhe kwakhona ukungazinzi kwiminyaka edlulileyo.

UCeba uBukelwa Madikane obethetha egameni lika Sodolophu womasipala, uAnele Ntsangani, uthe ulawulo luzinzile kwamasipala kubaphathi kwaye umsebenzi uhamba ngendlela efanelekileyo.

UMadikane uthe imiceli mngeni abasajongene nayo kukuqinisekisa ukuba wonke ubani ufumana amanzi kwitephu yakhe kwaye neemimbombo egqambukileyo yelindle bafumana indlela yokuyimpetsha okanye bayicike kwindawo yaseMbhashe.

Uqhube wathi kwicala lezopolitiko umasipala waseAmathole uzinzile kwaye ibhunga liyasebenzisana ukuqinisekisa ukuba abahlali bayaxhamla kwinkonzo zikarhulumente.

Abahlali bathe xa benikwa ithuba lokuba baphefumle kule ndibano ibizinyaswe ziilali zaseMbhashe, baye bakhala ngento enye ukunqaba kwamanzi lwitephu zabo kwaye bacela umasipala ubancede.

IAmathole ithe inenkqubo yokugrunjwa kwamanzi ngaphantsi komhlaba kwaye naseMbhashe sele kudala beqhuba beyenza ukuqinisekisa ukuba abantu bayawafumana amanzi.

Kwaye iAmathole iye yaqinisekisa ukuba nomceli mngeni wokugqambuka kwemimbombo yelindle iyalungiswa ndawo zonke zaseMbhashe.

UMadikane uye wavalelisa ngelithi bengumasipala bazakutyelela nakwabanye oomasipala abangaphantsi kubo uyonika ingxelo malunga nendlela imali abayisebenzise konyaka mali abadlulileyo.

Kwabanye oomasipala bazakutylela ngeezintsuku zilandelayo.

Mnquma LM – Ngqamakhwe Town Gall – 26/09/2023

Amahlathi LM – Keiskammahoek Town Hall – 3/10/2023

Ngqushwa LM – Hamburg Town Hall – 4/10/2023

Great Kei LM – Chintsa Town Hall – 5/10/2023

Raymond Mhlaba LM – Seymour Town Hall – 6/10/2023