Unyana ugwetyelwe ukubulala unina
Yintatheli yeKhwezi
UBongani Ndondo (43) ugwetywe iminyaka engamashumi amathathu emva kokufunyaniswa enetyala lokubulala umama wakhe owayenamashumi amathandathu anesithoba (69) eminyaka ubudala. Ngokwamaxwebhu athiwe thaca enkundleni njengobungqina budiza ukuba ummangalelwa wayolanda umama wakhe emgidini.Kuyacaca ukuba kwabakho ingxabano phakathi kwesi sibini.Kulapho ummangalelwa waqalisa ukubetha unina ngentonga waze wamkhaba selelele phantsi.
Ngosokusa umhla we-7 Disemba 2023 uNdondo wasa umama wakhe esibhedlele wafika wamshiya.UMavis Ndondo wawaxelela amanesi ukuba unkulwe ngunyanakhe kodwa bangawaxeleli amapolisa.Ngomhla we-19 Disemba 2023 uMavis waye waswelekela esibhedlele.Amapolisa asebenzisa ubungqina bukamfi ebuva ngabongikazi aze ambamba amvalela uBongani.Ngomhla we-14 Agasti iNkundla yeNqila eAliwal North imfumene enetyala lokubulala unina uBongani waze wanikwa isigwebo samashumi amathathu eminyaka ethothoza emjiva.
UMkomishinala wamapolisa kwisithili i-Joe Gqabi uMajor General Lindelwa Vellem uzihlasele kabukhali izenzo zobundlobongela ngakubantu abadala ingakumbi amanina.Uwancomile amapolisa ngomsebenzi wawo wokunqakula uBongani ongumbulali.


