Akakafunyanwa uKhayakazi owalahlekayo
12 EyeDwarha 2023 – Monwabisi Khininda
MQANDULI
Sekuzinyanga engasabonakali uKhyakazi Siyo (32) kwikhaya lakhe, nto leyo edandathekisa iimiphefumlo yosapho lwakhe kunye nabahlali belali yakowabo. UKhayakazi Siyo yinzalelwana yaseMqanduli kwilali yakuMadondile. Usapho lwakhe luthi belukade lucinga ukuba luyasiqonda isizathu sokunyamalala kwakhe kodwa ngokuya kuqengqeleka iinyanga iingqondo ziye zaphitha-phithana.
Xa intatheli yeli phephandaba ibincokola nelinye ilungu losapho egama lalo lingenakubhengezwa lithe iinyanga ziyile kwisithandathu ukuya kwisixhenxe engasabonakali uKhayakazi. Usapho lucinga nokuya emapoliseni ukuze luncediswe ukukhangela uKhayakazi.

