Indoda yasePhilippi ayikwazanga ukusindisa umtshana wayo oneminyaka emi-6 ubudala kwityotyombe elitshayo
13 EyeKhala 2023 – Sandiso Phaliso – Ekapa
EPHILIPPI
- Abantu abathathu, kuquka intwazana eneminyaka emi-6 ubudala, babhubhe kumlilo wamatyotyombe ePhola Park, ePhilippi East, ngobusuku bangeCawe.
- Bamalunga ne-14 abantu abashiywe bengenamakhaya.
- Iinkonzo zomlilo azikaqinisekisi unobangela womlilo.
Umalume ka-Oyama Meje oneminyaka emithandathu ubudala uchaze ixesha yena nabanye abamelwane kumatyotyombe asePhola Park, ePhilippi East, bezama ngamandla ukusindisa umtshana wakhe obevaleleke kwityotyombe elitshayo ngobusuku bangeCawe.
Ezi ntsapho zithi lo mlilo uqale emva kwentsimbi yeshumi ebusuku, kanye emva kokucinywa kombane. Unobangela womlilo awukachazwa.
Abantu abathathu – u-Oyama namadoda amabini amadala, abebekwelinye ityotyombe – babhubhele kulo mlilo, nothe washiya abantu abalishumi elinesine bengenamakhaya. Bethetha neGroundUp ngoMvulo, ezi ntsapho zithi zixhelekile kukufa.
UThembakazi Meje, umama ka-Oyama, wayengathuthuzeleki kwaye elila ukufika kwethu. “Ndandikwindawo yomhlobo wam xa abantu besithi kukho umlilo kwindawo yam. Ndikhawuleze ndabaleka kodwa ndifike sele kusemva kwexesha,” utshilo.
U-Alunge Poni, umalume ka-Oyama, uthe wayedlala imidlalo kwifowuni yakhe kwityotyombe elikufutshane xa wayenuka umsi kwaye emva kwemizuzu embalwa waya kuphanda.
“Ukwenzela ukhuseleko [uThembakazi] watshixa ucango, watshixa u-Oyama ngaphakathi. Abantu abaninzi bazama ukumkhulula kwityotyombe elitshayo kodwa abakwazanga ukoyisa ubushushu, umsi namadangatye. Ndizamile ukukhaba ucango lwavuleka kodwa amadangatya ayenamandla kakhulu. Bendifuthaniseleka,” utshilo uPoni.
UAthanathi Kostawuli (27) kunye noLihle Qaqamba (26) ababhubhele kulo mlilo, bebeziphumlele ngobusuku behleli nomhlobo wabo.
Amanye amatyotyombe amathathu nawo atshatyalaliswa ngokupheleleyo, ashiya abantu abalishumi elinesine bengenamakhaya kwaye bengenazinto, ukutya nempahla.
Udadewabo kaKostawuli omdala, uBusi Kostawuli, uthe wabona umnakwabo emva kwemini ngeCawa xa wayeshiya ikhaya labo. “Ndifumene umnxeba ngentsimbi yoku-1 ekuseni uvela kowasetyhini esithi kukho isihelegu, kodwa bebengaqinisekanga ukuba ngubhuti wam osetyotyombe,” utshilo.
Umakazi kaQaqamba, uThandiswa Qaqamba, uthe bazisiwe ngokubhubha komtshana wakhe ngentseni yangoMvulo. “Kubuhlungu ukuphulukana nelungu losapho phantsi kweemeko ezinjalo. Sizakwenza iDNA test ukuze umzimba wakhe ukhululwe kuthi. Asinamali kuba incinci imali esinayo, siza kuyisebenzisa ukumngcwaba,” utshilo.
UJermaine Carelse, isithethi secandelo leeNkonzo zoMlilo kwisiXeko saseKapa, uxelele iGroundUp ukuba baye bazisiwe ngalo mlilo kanye phambi kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku. Uthe abasebenzi baseGugulethu, Lansdowne, Belhar naseMitchell’s Plain baphendule ngeenjini zokucima umlilo ezintathu, iitanki zamanzi ezimbini kunye nesithuthi sokuhlangula.
“Abacimi-mlilo bakwazile ukuwunqanda bawucima lo mlilo ngo-23:40 owatshabalalisa izakhiwo ezihlanu waza washiya abantu abali-14 bengenamakhaya. Imizimba yamadoda amabini akhulileyo kunye nentombazana enye esemncinci, ababenamanxeba okutsha, yafunyanwa phantsi kobutyobo. Unobangela womlilo awukaziwa,” utshilo.
Uthe indawo yexhwayelo inikezelwe kwiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS).
I-SAPS ibingekaphenduli kwimibuzo yethu ngenjikalanga yangoMvulo.
Uceba wale wadi uZukisani Sopazi uthe, “Asiyomvakalelo intle ukuphulukana nobomi obunje. Okwangoku, andinakukhanyela okanye ndiqinisekise ukuba umlilo uqalile ngenxa yokucinywa kwezinto.”

