Ugwetywe ubomi ejele umdlwenguli
Yintatheli yeKhwezi
INkundla yamatyala ephakamileyo eBisho imgwebe ubomi ethothoza ejele uBulelani Mbulawa (41), ngetyala lokudlwengula ixhegwazana elina 68 yeminyaka ubudala.INkundla iphinde yamnika ishumi leminyaka ngokuqhekeza ngenjongo yokudlwengula, ukuzama ukubulala kunye nokuphanga phantsi kweemeko ezinobungozi.La matyala enzeka kummandla waseMahlubini kufuphi nasePeddie ngomhla we-21 Okthobha 2022.
Ingxelo yeNkundla idize ukuba le nkondekazi yayihleli yodwa kwindawo ehlala kuyo ngobusuku besiganeko ngethuba kukhatywa ucango luvuleka.Isithethi seGunyabantu Lotshutshiso, uLuxolo Tyali, eMpuma Kapa uthi akungena lo nqalintloko wanyanzelisa ukunikwa imali,wabetha ixhoba,walikrwitsha elifuthanisela ngempahla ngaphambi kokulidlwengula.
UTyali uthi le nkondekazi yakwazi ukunyola ikhombe uMbulawa kuba babehlala njengabamelwane bekwanako ukuzalana okuthile.Amapolisa aqala ukukhangela uMbulawa njengoko wayebaleka okonogwaja.Wabanjwa emva kweenyanga ezintathu ebaleka.Ngethuba kuqhuba ityala waphika walala ngomhlana ukuba wabeka umcondo wakhe phaya esithi wayenxile eludaka ngobusuku besiganeko.
IGqwetha lombuso uAdvocate Melumzi Gula uthe thaca ubungqina bexhoba kanti novavanyo lwe-DNA nengxelo yokuqala zakhomba uMbulawa njengomdlwenguli.IGunyabantu Lotshutshiso lithi lamatyala azisa ubulungisa nendlela yokuvala ityala kwixhoba neentsapho kuphindwe kususwe imidlungu ekuhlaleni.


