Crime & SafetyLocalNews

Bathi kungcono emjiva kunangaphandle abatyholwa ngokubulala inkondekazi

12 EyeDwarha 2023 – Monwabisi Khininda

MPUMA KAPA

Amatyendyana amabini ebevele kwinkundla kaMantyi kwidolophu yaseMaxesibeni kwiphondo leMpuma Kapa kule veki sisuka kuyo, adize okokuba akayifuni ibheyile kungcono ahlale apho ngaphakathi kuba oyikisela ubomi bawo. UJabu Gwanya noLizwi Mthunzini bavele okwexeshana enkundleni ze baphinde babuyiselwa eziseleni ngelixa abahlali bebeqhankqalaza ngaphandle kwenkundla benyanzelisa ukuba esi sibini sinikwe isigwebo esiqatha.

Esi sibini sityholwa ngokubulala inkondekazi enguManzibomvu Sokhanyile onama-85 eminyaka ubudala, ithe yafunyanwa emva kweentsuku ezintathu endlini yayo innempawu zokudlwengulwa nokukritshwa itshoba lilele umbethe. Sibhala nje izinto azimntaka Ngqika kwiintsapho zabatyholwa uluntu lufuna eziqwini kumalungu ezo ntsapho zesi sibini, njengokuba sona sisithi simandelwe kukuhlala ejele.