LocalNewsPolitics

I-DA ibibambe imatshi eGcuwa ngelichasene namaxabiso aphezulu okutya

12 EyeDwarha 2023 – Anele Raziya

GCUWA

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane uyigxekile imatshi ibibanjwe ngumbutho weDA eGcuwa ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo.

Iinkokheli zeDA ephondweni namalungu wayo kuquka nabahlali baseMnquma, baye babamba imatshi kwidolophu yaseGcuwa eMnquma ngelikhalazela amaxabiso aphezulu wokutya kwaye lonto ithwaxa kakhulu abo bangenanto.

Inkokheli yeDA ephondweni, uAndrew Whitfield uthe iMpuma Koloni lelona phondo linabantu abaninzi abasokolayo njengoko enqabile amathuba weemisebenzi kwaye abantu bagutyungelwe yindlala.

Uthe amaxabiso aphezulu wokutya ezi venkileni yenye yezinto ebangela abantu baseGcuwa,Ngqamakhwe Centane kunye neezinye iindawo zangaphesheya kweNciba bazibhaqe belala ngamanzi ngenxa yamaxabiso aphezulu kulo rhulumente ulawulayo.

Uqhube wathi kubuhlungu ubona abazali besokola nabantwana babo ngenxa yendlala exakileyo ebangelwa ngamaxabiso aphezulu wamafutha weemoto (petrol).

Isiganeko saseTholeni eGcuwa apho umzali watyisa abantwana bakhe abathathu ityhefu naye wazibulala emva koko ngenxa yokuba kutyholwa ukuba babebhuqwa yindlala, u-Whitfield uthe siyoyikisa kwaye siyaxhalabisa.

Uthe bengumbutho bagqithise inxwebhu (memorandum) kwiofisi yoMphathiswa ojongene neSebe lentlalontle (Social development) uBukiwe Fanta, ukuba aqwalasele amakhaya angathantweni kwaye axhaswe ngurhulumente.

Inkulumbuso, uMabuyane ephefumla ngale matshi yeDA uthe, iDA ikhangela amaqaku wezopolitiko kwaye kubuhlungu kuba ihlekisa ngentlungu yabantu baseMpuma Koloni.

Uthe iMpuma Koloni iyaziwa ukuba lelona phondo litsala nzima kwaye ijongene namanani aphezulu wentswela ngqesho kuquka nendlala.

Uqhube wathi bengurhulumente benza ngako konke okusemandleni ukuxhasa abo bangenanto ngamaphulo karhulumente nekuquka kuwo uxhaswa kweprojekthi nezinye izinto.

IDA ithe izakudlulisa enye imemorandum kuMphathiswa uLindiwe Zulu ukuze baxoxe kwiKhabhinethi malunga nesisombululo sokuthoba amaxabiso wokutya kuquka namafutha wezithuthi.

Whitfield uthe bahlabe ikhwelo kurhulumente ukuba akhawulezise angenelele kulento yamaxabiso aphezulu kungenjalo abahlali bazakuqhubeka betsala nzima yindlala kuba uninzi lwabo abanamisebenzi.

Iindawo yaseGcuwa yayifudula inemizimveliso (factories) ngexesha lorhulumente wegcinezelo kwaye abahlali baxhamla kumathuba weemisebenzi, kodwa zavalwa yonke lomizimveliso emva kokuba kwangena urhulumente uphetheyo.