CommunityLocalNews

Iyaphuculwa inkonzo yamanzi eMnquma

11 May 2023 – Anele Raziya

EGCUWA

USodolophu woMasipala wesithili i-Amathole, uAnele Ntsangani uvakalise ukuba babekele bucala izigidi ngeezigidi zeeradi ngenjongo zokuphucula iinkonzo zamanzi eMnquma eGcuwa.

UNtsangani ukutsho oku ngexesha ekutyelelo eMnquma nalapho aye wathi thaca isicwagciso nkqubo sophuhliso nohlahlo lwabiwo mali olujolise ekuphuhlisene bonke oomasipala abangaphantsi komasipal wesithili i-Amathole.

Oko kuvele ngexesha i-Amathole isindleke iroadshow yokuqala yeIntegrated Development and Budget plans yonyaka mali ka2023/2024  kwiholo yedolophu yaseGcuwa ngoMvulo.

Rhoqo xa kuqala unyaka mali omtsha umasipala wesithili uye ujikeleze bosithandathu (6) oomasipala abangaphantsi kwakhe usenza lenkqubo yeIDP roadshows.

Kwintetho yakhe ibiphambili uNtsangani uthe imali engange R300 688 802.00 bazakuyichitha ekuqubisaneni nayo yonke imiceli mngeni ejongene nogutyulo lwelindle namanzi eMnquma.

Uqhube wathi iNgqamakwe Bulk water supply, Bawo Falls water supply, Cafutweni water supply, amanzi atsalwa ngaphansti kwindawo yaseManteni , idami iMphuthi, Gcuwa West Regional water supply, Ibika-Centani water suply Phase 3, Ngqamakwe Regional water supply phase (1-4), Nxaco, neCebe Water Supply Scheme phase 2 zonke ezo iindawo zizakunikwa ingqwalasela kulo nyaka mali ka2023/2024 kwaye urhulumente uzochitha imali elungisa zonke izinto ezidinga ulungiswa kuzo.

IZizamele Sewerage Reticulation phase 2 nayo izakuxhamla kule mali ibekelwe bucala uphucula iinkonzo zayo.

Ukwathi bazakulungisa zonke iziseko zikarhulumente zamanzi eMnquma ezithe zamoshakala kwixesha elidlulileyo.

Ukwathi nabanye oomasipala bazakunikwa ingqwalasela kwicala lokusilela ukuzisa iinkonzo ezingcono kugutyulo lwelindle kunye namanzi acocekileyo.

Abahlali baseMnquma, abasebenzi neemibutho yasekuhlaleni ibiyinxalenye yale roadshow yeIDP yaseAmathole ibibanjelwe eButterworth town hall.

Usodolophu waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa uthe unethemba lokuba iinkonzo zamanzi zizakuphucuka nangakumbi eGcuwa,Centane naseNgqamakhwe.

UManxila-Nkamisa uthe nabo bengumasipala bazakuqinisekisa ukuba bayasebenzisana neAmathole ukuze ezi projekthi zizakwenzi ukuphuhlisa uMnquma zibeyimpumelelo.

Kwiminyaka edlulileyo uMnquma ukhe wajongana nomcimbi wokunqaba kwamanzi ngenxa yembalela nto leyo eyabangela kwabakhona uqhankqalazo olwathatha iveki eGcuwa abahlali bekhalazela iinkonzo zamanzi.

IGcuwa dam eyayikhalazelwa ngabahlali ukuba mayigrunjwe ngurhulumente kuba kuthiwa igcwele isanti nto leyo eyenza kubenzima ukuhlala umthamo wamanzi ovisayo, ayikagrunjwa nanamhlanje.