Kuthiwa zimbi iindaba kwaSASSA emveni kwamare orhwaphilizo
12 EyeDwarha 2023 – Intatheli kaDizindaba
KAPA
Kubonakala kumdaka iisali kwaSASSA emveni kokufunyaniswa bemsulwa kwizityholo zorhwaphilizo lwentywenka yemali eyi R316 million abasebenzi bangaphambi beli qhumru. Oku kubonakala kubhentsisa enkulu ingqumbo kwii nkonde nenkondekazi ezamnkela imali yesibonelelo eyi R2090 nekubonakala kwakho ifumaneka nzima le mali kwaba. Aba baxhamli kuthiwa baye basokola kakhulu ukufumana le nkamnkam bephoswa ngapha nangapha kuba omnye ekhomba omnye esweni logama omnye evikela iliso lakhe Phakathi koPost Bank no SASSA. Kuvakala okokuba nangoku baphinde basokola aba.
Abasemfuthweni weendaba bathi ngoku okuvuse umnyele ngakumbi kukufunyaniswa ngabakwa SASSA okokuba akukho okubonakalisa ubungqina obububo ngakwabo ababefudula bechaga umali yenkamnkam kwabakwa Cash Pay Masters. Ngaphambili kwaye kwabhaqwa ngathi kubekho umkhonyovu ngasekuchagweni kwe ntywenka yemali eyi R316 million yokwamnkelisa abaxhamli.
Abasemfuthweni wolwazi bathi lowo ungu Mphicothi wezimali unkosazana Tsakane Maluleke waye wabhentsisa kwi ngxelo yakhe yezimali ka 2022 ukuya ku 2023 okokuba bekukho okungachazi ncam eyona nyani. Kuthiwa oku kwaye kwaqandusela ekubeni ayalele abakwa SASSA okokuba ngo 2021 okokuba babhentsise eyona nyani ngamanyathelo abathe bawothatha khonukuze kubuyiswe le ntyweka.
Bevakalisa olwabo uluvo umbutho ojongene nokuhlawulwa kakhule kwenkamnkam, iBlack Sash kunye neCorruption Watch mbutho lowo olwisana norhwaphilizo, yomibini le mibutho ivakalise okokuba ayonelanga zezi ngxelo zabakwa SASSA nezibonakalise ukubhanka. Kwelinye icala bona abaxhamli bendodla bathe badane kakhulu emveni kokuba abakwa Post Bank baye bavakalisa okokuba imali yendodla izakufumaneka ngaphandle kwamagingxi-gingxi ukusukela ngomhla we 3 ka October. Ezi nkonde zikhala nangokuba noMphathiswa Wezezimali uMoodli Gungubele waye waqinisekisa ngentlawulo yabo.
Kuzo zonke ezizizithembiso besisenziwa nguMphatiswa, abakwa SASSA kunye ne Post Bank ngomhla we 9 ku October bekusekho abantu abadla kunye nabantwana abangekayifumani inkamnkam yabo. USASSA ePaarl uthumela abantu ePost Bank, nxa befika ePost Bank, yona ithi i ‘Offline’ mababuye ngesuku elilandelayo. Abantu basikelwa imibane ngumasipala abanye ipolicy zabo azitsalwanga ntoleyo ebabeka enciphekweni. Abanye kange bakwazi ukubathala ivenkile zamatyala ntoleyo ethe intoyokuba bona bazakujongana nenzala ngenxa kaSASSA ne Post Bank ezahluliweyo kukwenza umsebenzi wazo. Uthi the enye inkondekazi kwabaka Dizindaba: “Hayi nokuba iANC ifuna sichabe ngoba bona ooRamaphosa abana loadshedding, batya kamnandi, abasikelwa mibane. Kuzakwaziwana ngo 2024, sizakuyibonisa leANC.”
Bona abemi abaninzi beli lizwe bavakalisa okokuba uRhulumente weli ubonakalisa ukoyiswa lulawulo kangangokuba akangekhe athelekiswe nolawulo lwangaphambili kuquka nooRhulumente base Transkei, Ciskei ne Bophuthatswana nabebebizwa ngokuba ngoo “Nomgogwana” yile ANC. Bathi abo Rhulumente babenomthetho nolawulo.
Balesi singathanda ukuva uluvo lwenu malunga noku, sicela nithumela uluvo lwenu ngo WhatsApp: 0712123675 / 0842639105