EducationNews

Umasipala waseMbhashe no MTN bazakusebenisana

14 EyoMsintsi 2023 – Anele Raziya

EDUTYWA

UMasipala waseMbhashe eDutywa, usungule inkqubo yentsebenziswano phakathi kwawo kunye nenkampani yakwa MTN.

Kutsha nje uMbhashe, iziko lezosasazo uSABC noMTN, bathe banikezela ngeethambulethi (Tablets) ezingamashumi amabini (20) kwisikolo samabanga aphezulu iJongilanga S.S.S kwaWard 4 eDutywa.

Ezi Tablets kunikezelwe ngazo esikolweni sele zifakwe iizifundo zebanga leshumi ukuze zisetyenziswe ngabafundi bakwaGreyidi 12 kwaye zinayo nedata.

Oku kunikezelwa kwezixhobo zokufunda kulandela emva kokuba uMbhashe neSABC yenza isithembiso sokuxhasa esi sikolo ngobuxhakaxhaka balemihla ngenjongo zokuphucula imfundo.

Kunyaka ophelileyo, iJongilanga S.S.S yafumana u96.7% weziphumo kwibanga leshumi kwaye lonto yakhuthaza uMbhashe, SABC noMTN ukuba banike inkxaso yeezixhobo zokufunda esi sikolo.

UCeba waseMbhashe obethetha egameni lika Sodolophu, uSamkelo Janda, Fikiswa Ndaule  uthe kuluvuyo kubo bengumasipala xa befezekisa izithembiso abazenza ngaphambili kwaye uye wabulela intsebenziswano yabo noSABC noMTN.

“Le yimisebenzi ebonakalisa ukubaluleka kwentsebenziswano ekuphenduleni kwimfuno zoluntu, xa sibambisene zingenza lukhulu”, kutsho Ndaule ethetha kwesi sikolo saseDutywa.

Uqhube wathi intsebenziswano ephakathi kwabo noSABC kunye nenkampani MTN bangavuya ukuba ihlale ikhona njengoko ibonakalisa ubanegalelo kwimpilo zoluntu.

Uye wenza nesicelo sokuba isikolo noluntu basebenzisane ukuqinisekisa ukuba isikolo sihlala sikhuselekile kwabo bangamasela.

U-Ella obemele inkampani i-MTN uthe kubalulekile kubo ukuba badlale indima ekuphucule impilo zoluntu ekuhlaleni nokuba bancedisa ngento encinane.

“Kubalulekile kuthi ukuxhasa ngoko sinako kuba sifuna ukwenza umehluko kuluntu kwaye sixhasa neezinkokheli zangomso”, kutsho uElla.

Uqhube wathi lenkxaso izakuncedisa abafundi ekuphuhliseni ulwazi lwabo nokuphucula izifundo neziphumo zabo nangakumbi.

Isikolo kunye nabahlali baye bathembisa ukuba bazakusebenzisana uqinisekisa ngokhuseleko lweeziTablets kwaye nabafundi bazakuqhuba kakuhle kwiziphumo zebanga leshumi nakulo nyaka.