Bagotywa besebatsha
23 EyeDwarha 2023 – Yonela Mpaka
NGCOBO
Umbutho we Sanco nongumbutho wabahlali ububambe imidlalo (tornament kwibala lezemidlalo eNyanga. Oku kukokokuqala lombutho udibanisa ulutsha lwewadi ngewadi zase Ngcobo.Ibhola ikiti kwakunye nendebe zithe zafunyanwa ngabo bathe badlala kakuhle. Ongumququzeleli walemidlalo uMcebisi Mgudlwa uthi lento yokuqokelela ulutsha uludibanise iyanceda kakhulu kuba xabesemabaleni ininzi kakhulu imvisiswano.
“Sikwenza oku sifuna ukubonakalisa kulutsha ukuba asiluncamanga llna luyaqweqwediswa ziziyobisi kodwa sifuna ubakhuthazela nakwezinye izinto asifuni kubayekela zebathi xabephalala sibe besinayo into ebesinoyenza sikrwele intloko, ndiqalile ngoku ngokuxhaswa zivenkile zalapha eNgcobo ndinethemba lokuba xa siphinda siyenza izobangaphezulu sobe sesibiza zonke iwadi,siyafuna uhlaba ikhwelo nakwabo bangabazali uba basincedise sizama nokuncedana nabo kuba siyaziva kakhulu iziganeko ezenzekayo, sithi mayiye phambili le tonament,” utshilo uMcebisi Mgudlwa nongumququzeleli.
Inkokheli zase Ngcobo ziyixhasile kakhulu kemidlalo kuquka kuzo uSodolophu womasipala I Dr Ab Xuma u Siyabulela Zangqa nakhuthaze lomsebenzi ukuba uqhhbe uye phambili. Abantu abatsha sithi mabawathathe onke amathuba avelayo kuba sekukubi phandlapha siyabacela bahlale belisabela ikhwelo,“ utshilo uZangqa. Osomashishini basenzile isibhambathiso sokuba bazakuma nalo ka Mgudlwa negqiza lakhe ilungiswe iNgcobo.