USodolophu waseNgqushwa uSanga Maneli uchulumancile zizikolo eziqhube kakuhle
Usodolophu womasipala waseNgqushwa uSanga Maneli ukhuthaze abafundi abangaphumelela uGreyidi 12 ukuba bangatyhafi kwaye bavuke bavuthulule baphinde esikolweni okanye baye kwiTVET Kholeji zeli.
Ukutsho oku ngexesha etyelele isikolo iNcedolwethu High school neSotinini high school neziphakathi kwezikolo ezithe zafumana iziphumo ezincumisayo kwisekethe yaseNgqushwa engaphantsi kweAmathole East.
Ezi zezinye zezikolo ebezingaphantsi kwephiko lika sodolophu waseNgqushwa uManeli kunyaka ophelileyo nalapho ebezixhasa ngako konke uqinisekisa ukuba abafundi akukhonto bayidingayo.
Injongo zenkxaso ibikuncedisana nesebe lezemfundo ukuqinisekisa ukuba abantwana abafunda ixesha elongezelelweyo kuGreyidi 12 bayafumana nokutya ukuze bangatyiwa yindlala.
Usodolophu uManeli ebengaqali ukuxhasa izikolo ngokutya, iimpahla yokunxiba yesikolo kunye nezinye izinto eziluncedo ebantwaneni, kudala eqhuba nale nkqubo bengumasipala waseNgqushwa kwaye nesebe elikhokelwa nguMphathiswa uFundile Gade liyayazi imisebenzi yalo masipala.
UManeli ngexesha ethetha nabafundi, uthe ubulela intsebenziswano yabo, ootitshala, abazali kunye nebhodi elawula isikolo (SGB) ngalo msebenzi mhle kangaka wokuphumelela kwabantwana baseNgqushwa kwiziphumo zika Greyidi 12.
Uqhube wathi abo bangaphumelelanga abantwana basenalo ithuba lokuba babuyele esikolweni okanye bayokubhalisa kwiTVET kholeji zeli.
Uxhobisa abantwana abenza uGreyidi 12 kulo nyaka ukuba bahambele kude kwiziyobisi kuba zibulala ikamva.
Uthe abafundi kufuneka bahlale bebathobela ootitshala kwaye baye rhonqo esikolweni ukuze bazokupasa xa kuphela unyaka.
UManeli unqwenelele bonke abafundi abenza uGreyidi 12 kulo nyaka ikamva eliqaqambileyo nempumelelo.
Kule veki umasipala waseNgqushwa uthe uzimisele ukuncedisa abantwana abanqwenela ukufumana inkxaso mali ka NSFAS, uthe mabeze kwamasipala bazokuncediswe ukwenza izicelo njengoko le nkqubo ivalwa ngomhla we 31 kule nyanga imiyo.

