NewsPolitics

Inkokheli ye-SANCO ikhalela ukuqhekezwa kombutho

10 EyeDwarha (Oct) 2024 – 23 EyeDwarha (Oct) 2024

Monwabisi Khininda

Umbutho wepolitiki i-ISANCO ubambe indibano nonondaba eMthatha, kuLwesihlanu weveki esisuka kuyo. 

  Iinjongo zeligqugula ibikukudakanca imiba engalixolisiyo eli qela ukusukela emva kolonyulo lukazwelonke obelubanjwe ngenyanga ka-Meyi.

  UMongameli walombutho uGqirha Zukile Luyenge uthi lo mbutho ujongene nengxaki emva kokuba amalungu awo athunywe koomasipala efika ajika iikepusi azijongisa ngemva, aqhogana nabaphathi boomasipala. “Iinjongo zalamalungu kukucekela phantsi lo mbutho, xa sibagxotha kubanzima ngenxa yokulala ngengubo enye nabaphathi boomasipala,” kutsho uGqirha Luyenge. Uqhube wathi ubekade encediswa yiKomishoni yolonyulo ezimeleyo u-IEC kodwa umnqa kukuba i-IEC yathatha icala ntoleyo ithe yabothusa kakhulu. 

  Uthi le komishoni yolonyulo ezimeleyo ifana nosompempe ayithathi cala. “Awukwazi ukuba ngusompempe uphinde ubengumdlali ngaxeshanye,” 

utshilo uLuyenge.

Ukwathe baye bathatha amanyathelo bangena ezinkundleni ezahlukeneyo. Uthi u-IEC  akangeni ndawo ukuba ufaka bani epalamente nakwezinye izithuba. Ugxeke u-IEC ngokuphanza kwabo ukungenela ulonyulo lwalonyaka. 

  Uhambisa athi ukungangeneli kwabo ulonyulo kungenxa yobuqhophololo obenziwa kwangamalungu asuka kulo mbutho efuna ukungcolisa igama lawo, kodwa uthi nangona kunjalo umbutho usamile wona.

  Lo mbutho uthi kuvelwe ityala befuna iimpendulo ngelungu elafakwa kuluhlu lwabo bazophatha kulombutho kodwa engelilo ilungu lombutho kwaye oko kwenziwa ngaphandle kolwazi lwenkokheli yalombutho uGqirha Zukile Luyenge.